25.8 C
King William's Town
Thursday, March 20, 2025

Kubhubhe abantu abahlanu kwingozi eyenzeke kwindlela yakwaSathana

Kubhubhe abantu abahlanu konzakala abalithoba kulandela ingozi yemoto enye eyenzeke kwiSatansnek Pass kuhola wendlela uR58 neyaziwa ngelokuba kukwaSathana.

Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Binqose uthi le ngozi yenzeke ngentsimbi yesibhozo kusasa ngoLwesibini umhla wesibini (-2) kwindlela ephakathi kwe-Engcobo neKhowa eyayisakuba yi-Elliot.

Ngokwengxelo yesebezothutho, umqhubi wemoto iVW Sprinter ebikhwele abantu abalishumi elinesine ibisuka eRustenburg isiya eMthatha ngethuba ephulukene nolawulo lwemoto yaza yabhukuqa.

UBinqose uthi phakathi kwababhubhileyo kukho inkwenkwana eneenyanga ezimbini, amakhosikazi amathathu kunye nendoda endala. Uthi abakhweli abonzakeleyo bathuthelwe kwizibhedlele ezahlukeneyo kulo mmandla.

Unobangela wengozi uya kuba yinxalenye yophando lokubulala ngokungenhloso. Umqhubi walenqwlo-mafutha uphume engenawo nomkrwelo kwindawo yexhwayelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.8 ° C
25.8 °
25.8 °
52 %
1.6kmh
65 %
Thu
28 °
Fri
34 °
Sat
34 °
Sun
29 °
Mon
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks