Kubhubhe abantu abahlanu kwingozi eyenzeke kwindlela yakwaSathana

Kubhubhe abantu abahlanu konzakala abalithoba kulandela ingozi yemoto enye eyenzeke kwiSatansnek Pass kuhola wendlela uR58 neyaziwa ngelokuba kukwaSathana.

Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Binqose uthi le ngozi yenzeke ngentsimbi yesibhozo kusasa ngoLwesibini umhla wesibini (-2) kwindlela ephakathi kwe-Engcobo neKhowa eyayisakuba yi-Elliot.

Ngokwengxelo yesebezothutho, umqhubi wemoto iVW Sprinter ebikhwele abantu abalishumi elinesine ibisuka eRustenburg isiya eMthatha ngethuba ephulukene nolawulo lwemoto yaza yabhukuqa.

UBinqose uthi phakathi kwababhubhileyo kukho inkwenkwana eneenyanga ezimbini, amakhosikazi amathathu kunye nendoda endala. Uthi abakhweli abonzakeleyo bathuthelwe kwizibhedlele ezahlukeneyo kulo mmandla.

Unobangela wengozi uya kuba yinxalenye yophando lokubulala ngokungenhloso. Umqhubi walenqwlo-mafutha uphume engenawo nomkrwelo kwindawo yexhwayelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA