Ibingumbo nomxesibe eMonti izolo, kaloku ubilusuku olukhulu, apho iintshatsheli zethu bezilwela ukukhusela iintshinga zabo kwimidlalo yamanqindi nebibanjelwe eICC eMonti.
Imbethi manqindi nephume izandla egama linguSivenathi Nontshinga (The special one) ebelwela ukukhusela intshinga, kumlo wakhe kunye noReggie Suganob wasePhilliphines. Lomlo ubungowona umkhulu ujongwe ngamehlo abomvu luluntu kwaye khange baphoxeke. UNontshinga kaloku waba yintshatsheli ye(IBF World light-flyweight) nawayifumana kwilizwe laseMexico emva kokubetha ngamanqaku uHector Flores.
INkulu baphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane, uSodolophu woMaspala oMbaxa iBuffalo City uPrincess Faku kunye noMphathiswa weZentlala kahle zoLuntu uSiphokazi Lusithi bebezimasile.
Ukanti nembethi manqindi ezisakhulayo bezikhona kuquka namanina, kumlo esiwubone kuMiller equbisana noFortuin. UMiller hayike uzothathele intshika kuFortuin.
Kwabasakhulayo uSiyakholwa Kuse nongumfana oneminyaka engamashumi amabini anesine(24) ubudala uphumelele umdlalo wakhe, ntoleyo emenze intshatsheli ye(SA Mini Flyweight)






