12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

UNozinti nomqeqeshi weSundowns bawongwe ngawona mawonga amakhulu.

EzikaMagebhula zona ziqoqoshe kwanto kumsitho wokuwongwa kwabadlali phezolo.

Bawongiwe abadlali boMzantsi Afrika bebhola ekhatywayo phezolo kumsitho obubanjwe ngobuxhaka-xhaka balemihla. Iqela loMzantsi Afrika iBhakaniya liqokelele kakhulu lade laqweqweda kulomsitho nalapho unozinti nomqeqeshi weMamelodi Sundowns uRonwen Williams noRhulani Mokwena befumene awona mawonga abalulekileyo.

Iqela eliziinjinga zeDSTV Premiership iMamelodi Sundowns ithiwe jize ngembasa ngusihlalo wePSL uDr Ivin Khoza nanjengoko ibeliqela elixakeke kakhulu kulesizini liphakamisela neflag yeli phezulu kwilizwekazi lase-Afrika, ukhumbule ukuba iSundowns izakuba lelinye lamaqela ehlabathi azakuthi athabathe inxaxheba noompondo zihlanjiwe kwindebe yehlabathi nezakuhlinzekwa yiMelika.

UMokwena ubethe uJose Riveiro wePirates noSteve Barker weStellies. Ukhumbule ukuba lomqeqeshi uphethe imbali esandleni sakhe, unerekhodi lamanqaku angamashumi asixhenxe anesithathu (73) ebethwe kwakanye kuphela kumdlalo wokugqibela ebethwa yiCape Town City. UWilliams ube ngunozinti obalaseleyo wonyaka, uGrant Kekana Sundowns ubengumdlali wangasemva wonyaka ebetha uVan Rooyan weStellies noXoki wePirates.

UPatrick Masangwanye wePirates ubengumdlali wasesiswini wonyaka, uRehebohile Mofokeng uwongwe njengomdlali wonyaka osakhulayo noze ngobuso emhlabeni othe wabalasela abe yena ngowePirates, uThabiso Lebitso wePirates uzenzele igama ngethuba efaka inqaku iPirates ibetha iChiefs ngamanqaku amathathu kwamabini (3-2) ngomhla wethoba (9) kweyoKwindla kulonyaka ka2024, elonqaku limenze wangoyena ubenenqaku elihle lesizini.

UPatrick Masangwanyi ubengumdlali okhethwe ngabanye abadlali bePSL, lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ufumene amawonga amathathu (3) njengoko ethe walinceda eliqela lakhe iOrlando Pirates kwisizini yonke oko eqhuba kakuhle.

URonwen Williams ongunozinti weSundowns neBafana Bafana ufumene eyona mbasa ibalulekileyo neyona inkulu ngethuba echongwa njengoyena ungumdlali obalaseleyo wonyaka kwisizini esiphuma kuyo. Lomgcini zipali uneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala ubenemidlalo emininzi apho abadlali namaqela ePSL ebengacholi naphantsi emanqakwini.

UTshegofatsa Mabasa ubengoyena ufake amanqaku amaninzi emva kokufaka amanqaku alishumi elinesithandathu (16), lo kaMabasa ufake amanqaku amathandathu (6) ngethuba iPirates ibolekise ngaye kwiSwallows kunyaka ophelileyo ka2023, wabuya kulonyaka ka2024 wafaka amanqaku alishumi ngethuba ekweliqela lakhe, ubuye ngenyanga yoMqungu kulonyaka.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks