19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Unqunyanyisiwe Umphathi weSixeko somaspala ombaxa

Umanejala kamasipala waseNelson Mandela Bay uGqirha Noxolo Nqwazi unqunyanyisiwe kodwa uzokuqhubeleka erhola umvuzo opheleleyo emva kokuba uninzi loceba bevotele ukunqunyanyiswa kwanokuthathelwa amanyathelo oluleko.

Iinkqubo zebhunga bezivaliwe ngolwesiHlanu njengoko lo mba ububekwe “kwiphepha logatya” (Green Paper) nto leyo ethetha ukuba uluntu namajelo eendaba bebengabandakanywanga kwingxoxo-mpikiswano.

Kungoku nje uNqwazi usenkundleni kunye nabanye atyholwa nabo kwityala lethenda yezindlu zangasese ezixabisa izigidi zeerandi nalapho ajongene nezityholo zobuqhophololo norhwaphilizo.

IGosa eliyiNtloko leMisebenzi, uSidim Dyani, utyunjwe njengoManejala oBambeleyo kaMasipala.

Uceba weACDP, uLance Grootboom, uxelele abendenda ukuba lo mba wondlalwe ngumbutho olawulayo ngoku kwaye uxhaswe ngooceba abangamashumi amathandathu anesibini.

Uthe amaqela aphikisayo aquka iACDP, DA, Good Party, neDOP, avotele ngokuchasene nalo mba, logama iUDM ingakhange ivote kwaye iFreedom Front Plus ibingamelwanga kwindibano.

UGrootboom uthi bayakuchasa ukususwa kwakhe ngelithi “ayinabuchule” ngokwemigaqo yenkqubo, kwaye akukho bungqina kwingxelo obubonisa ukunqunyanyiswa kukaNqwazi.

Uthe isigqibo seBhunga singavulela imingeni eyongezelelekileyo yezomthetho kwisiXeko.

USomlomo weBhunga, u-Eugene Johnson, ukuqinisekisile “ukumiswa ngokusemthethweni” kukaGqirha Nqwazi, athe kusekelwe kwingxelo yeSIU.

Ukwathe kukubonisa uMphathiswa (weZimali) ukuba isiXeko sisebenza ngembalelwano yakhe ebacela isixeko ukuba siwubeke phambi kweBhunga lo mba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks