16.6 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Isengumceli-mngeni omkhulu amanzi kwiphondo leMpuma Koloni

Ubuncinci i-R45-million (mhlawumbi ngaphezulu kwe-R62-million) sele ichithwe kwiprojekthi yamanzi kwingingqi yaseLibode kwa-ward 16, kumgama ongama-30 km kwimpuma yoMthatha kumaphandle aseMpuma Koloni. Kodwa emva kweminyaka esixhenxe, akukabikho manzi okusela kubahlali baseNtendele naseMondlovini.

Ulwakhiwo lweziseko ezingundoqo zaqala ngo2016, ngokokutsho kwenkokeli yabahlali uMandla Jali.

I-Nangamso Civils, eyayinethenda yezigidi ezingama-R27, ifakele umbhobho oyi-7.5 km. UThobela Jeke weNangamso uthe bawugqibile umsebenzi, kwaye uveze ixwebhu leleta yokugqibezela kwabo evela eAmatola Water ebhalwe ngoJuni ka-2019.

Emva koko, iThalami Civils yafakela iziseko zonxulumano lwamanzi kwilali zaseMandlovini naseTendele (ngeR18-million ngokweenkampani).

Ukanti Enye inkampani, iJamjo Civils, inikwe ithenda yezigidi ezilishumi elinesixhenxe (R17-million) kwaye yabonwa isakha itanki, kodwa iJamjo ayikhange iyiphendule imibuzo yoonondaba nangona ibithembisile.

Kusenjalo Kwakukho nezinye iikontraka ezininzi ezazisebenza kule projekthi.

Injineli ephezulu u-Basil Sparg, weThalami, uthe bafakele imibhobho emileyo kunye neetephu ngo-2021.

UJali, nohlala eMkhankatho (eMandlovini), uthe xa abantu bebona iimpompo bacinga ukuba ekugqibeleni baza kuwafumana amanzi.

Kodwa ke iThalami Civils yazisusa iimpompo, isoyika ukuba iimpompo ziya kubiwa ngelixa kungekho manzi.

Ukusukela ngoko, akukhange kubekho kontraka kwaye amagosa kamasipala athule,” utshilo uJali.

Ilungu lekomiti yewadi uMlindeni Moyake uthe, “Asazi ukuba kwenzekani ngale projekthi.

Isithethi salo masipala uBongani Matomela uthi iprojekthi yokuhambisa amanzi ngobuninzi eLibode naseNgqeleni iquka amadama kunye nemibhobho esuka kwidama laseMthatha.

UZimkhitha Macingwana, osisithethi somaspala wesithili sase OR Tambo, uthe ulibaziseko lubangelwa yiCovid-19 kwaye kukho imiba kwiqonga lamashishini asakhasayo kunye nokucuthwa kwalo projekthi ngeepesenti ezingama-30.

UMatomela uthe ulwakhiwo lwamanzi okucoca nokumpompa amanzi luyaqhubeka, kukho unokontraka okwisiza. Esithi Kuya kuthatha iinyanga ezili-18 ngaphambi kokuba kuqhutywe kunye nokumpompa kwakhona.

Nangona kunjalo, indawo yokucoca amanzi kwisiza saseRosedale/Highbury, akukho nkampani yokwakha.

UMacingwana uthe iAmatola Water inoxanduva lwemisebenzi yokucoca.

Kodwa isithethi saseAmatola Water uNosisa Sogayise ukhomba umnwe kumasipala wesithili saseOR Tambo. Uyayibaleka imibuzo ebhekiswa ngakuye

Uceba uTembalihle Xangayi we (DA) uthe maninzi amaphulo amanzi angekagqitywa kwaye alibazisekile kulo masipala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
16.6 ° C
16.6 °
16.6 °
93 %
1.5kmh
65 %
Thu
20 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks