25.1 C
King William's Town
Tuesday, October 14, 2025

Unqunyayisiwe kwisikhundla sakhe, otyholwa ngobuqhophololo kwisibhedlele saseTembisa.

By Esona Magawana

Inkulumbuso yaseGauteng uPanyaza Lesufi unqumamise uLesiba Arnold Malotana, intloko yeSebe lezeMpilo neNtlalontle eRhawutini emva kophando oluqhubekayo lorhwaphilizo kunye neethenda ezingekho mthethweni kwisibhedlele iTembisa Provincial Tertiary Hospital.

ULesufi ubhengeze eli nyathelo ngoLwesibini umhla weshumi elinantathu (13) KweyeDwarha 2025 ,esithi liyinxalenye yokuzinikela ngokutsha kukarhulumente wephondo kuxanduva lokuphendula kunye nobunkokeli obusesikweni.

UGqr Darion Barclay, okwangoku okhokela iSebe loLawulo lweNtsebenziswano kunye neMicimbi yezeMveli (CoGTA), uqeshwe njengentloko ebambeleyo yeSebe lezeMpilo ukuqinisekisa uzinzo kunye nokuqhubeka ,kwiphothifoliyo ebaluleke kakhulu yephondo.

“Ukuqeshwa kukaGqr Barclay kuqaqambisa ukubaluleka kokubeka phambili unikezelo lweenkonzo olungenamthungo,” utshilo uElijah Mhlanga, isithethi soRhulumente wePhondo laseRhawutini.

Ukunqunyanyiswa kuza njengoko ii-arhente, eziquka i-SIU, ziqinisa uphando ngezityholo zokuphangwa okukhulu kwisibhedlele iTembisa Provincial Tertiary Hospital, apho izigidi zeerandi zahluthwa ngeekhontrakthi ezingafanelekanga kunye nabanikezeli benkonzo.

Kwingxelo yakhe, uLesufi uthe ukunqunyanyiswa kukaMalotana yinxalenye yeenzame ezibanzi zokubuyisela intembeko kumaziko karhulumente nokuqinisekisa ukuba amagosa aphezulu anoxanduva.

“Sihlala sizinzile ekuzibopheleleni kwethu ekuncothuleni ulawulo olugwenxa kunye nokuxhasa imigangatho ephezulu yokuphendula kunye nobunkokeli obusesikweni,” itshilo iOfisi yeNkulumbuso. Iofisi kaLesufi yongezelela ukuba ngoLwesine, izivumelwano zokusebenza ezityikityiweyo zawo onke amaLungu eSigqeba soLawulo (ii-MEC) ziya kwenziwa esidlangalaleni.

Urhulumente wephondo laseRhawutini uphinde waqinisekisa ukuba uyawuxhasa ngokupheleleyo umsebenzi weCandelo loPhando oluKhethekileyo (SIU) kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.1 ° C
25.1 °
25.1 °
42 %
8.4kmh
61 %
Tue
23 °
Wed
23 °
Thu
15 °
Fri
28 °
Sat
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks