11 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Unyana omncinci kaPitso Mosimane uRea weChiefs untingela e-Italy nalapho eya kuvavanyo liqela lebhola ekhatywayo lalapho iAS Roma.

By Siphiwo Boqwana.

UNyana kaPitso Mosimane, uReatlegile untingela kwelamaTaliyane nanjengoko kukho iqela lebhola ekhatywayo elaxolayo nguye ngethuba edlalela Amakhosi kumakhwenkwe angaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu (13). Kwelinye icala umdlali nobesakuba yinkokheli yabadlali beChiefs, uYusuf Maart ude wabe kanti uqukunjelwe umcimbi wokumtyikitya kwiqela laseAustria, iSV Ried.

UReatlegile Mosimane oneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala uyokuvavanywa liqela lebhola ekhatywayo laseItaly, iAS Roma, eli gatyana lo mntana linesakhono kwaye lilandela ngqo ezithendeni zikatata wakhe uPitso nobesaku dlalela iJomo Cosmos naphesheya kolwandle.

URea uphumelele ukuba ngoyena mdlali ofake amanqaku amaninzi kwisizini edlulileyo ngethuba efaka amanqaku angamashumi amathathu anesibhozo (38), nalapho encede iqela lakhe iKaizer Chiefs ukuba liphumelele intshinga yeligi kumakhwenkwe angaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu (13) kwiGauteng Development League.

UMosimane omncinci ulandela emva komdlali omncinci uIkanna Tladi oneminyaka elithoba (9) kuphela ubudala nobedlalela iWolmaranstad.

UMaart othengwe yiRied eAustria udlale imidlalo engamashumi alithoba anesihlanu (95) wafaka amanqaku asixhenxe (7) encedisa ekufakweni kwamanqaku amatyeli asibhozo (8). UYusuf utyikitywe yiChiefs kwiminyaka emithathu (3) egqithileyo esuka kwiSekhukhune United.

Iingxelo eziphuma kumthombo othembakeleyo zithi lo mdlali wasesiswini uthengwe ngamakhulu asixhenxe anamashumi amabini amawaka eeEuro ( 720 000) nefike yalishumi elinesihlanu lezigidi zeerandi (R15million).

Eliqela litsha likaMaart, iSV Ried lisanda konyuselwa kwiAustrian Bungesliga.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11 ° C
11 °
11 °
81 %
1.3kmh
99 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks