UPhume etshaya uTimothy Omotoso eNkundleni emva kokufunyanwa engenatyala.

By Asipile Kitchen.

Acinyiwe amatyala okudlwengula nokuthwalwa kwabantu ebejongene nomfundisi uTimothy Omotoso eNkundleni yamaTyala aphezulu, eGqeberha.

Emva kweminyaka ephantse yasibhozo yokuvela enkundleni zamatyala, iingxoxo nokumiswa kwetyala likamfundisi uTimothy Omotoso natyholwa nabo bafunyenwe bengenatyala enkundleni yamatyala ephezulu yaseGqeberha ngoLwesithathu, umhla wesibini (02) kuTshazimpuzi 2025.

UJudge Irma Schoeman uwacimile amatyala okudlwengula nokuthwalwa kwabantu ebejongene no-Omotoso.

UMphathi weNkonzo i-Jesus Dominion International (JDI) ebejongene namatyala angamashumi asithandathu anesithathu ecaleni kwabesolwa nabangamalungu e-JDI uLusanda Sulani no-Zukiswa Sitho.

USulani noSitho bebetyholwa ngokudlala indima enkulu ekuqeshweni kwamanina ekuzibandakanyeni nale nkonzo kwaye bahlale kwizindlu zobuthunywa eThekwini apho amangqina athi uOmotoso wahlukumeza ngokwesondo abaliqela kubo kwaye wenza intetho ezimanyukunyezi ngakubo.

Bonke babebugcinile ubusulwa babo ngalo lonke elixesha lovavanyo.

USchoeman uthe ukuxinwa ngemibuzo kwabatyholwa kwakungumgangatho ophantsi kwaye urhulumente akazange akwazi ukungqina ityala ngaphandle kwamathandabuzo.

Emva kokuchazwa njengo ngenatyala, esi sithathu siguqe enkundleni saqalisa ukuthandaza ngoko nangoko, ngelixa abaxhasi babo bebhiyozela ezi ziphumo.

Eli libali elisaphuhlayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA