13.6 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

Uphume ngokungathi uyakuchama umkhwetha kanti kukuqhwesha kwakhe.

Amapolisa aseKabega Park eGqeberha acela uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo ngomkhwetha waseZwide oneminyaka engamashumi amabini ananye(21) ubudala, oduke ngobusuku bangoLwesihlanu umhla we(17 December 2021).

Ngokweenkcukacha zamapolisa, uLindokuhle Debruin ebesethafeni apho kuhlala abakhwetha eGeduld River, kufutshane nohola wendlela uN2 eGreenbushes. Kutyholwa ngelithi malinga nentsimbi yesibhozo ebusuku(20:00) uLindokuhle uxelele umzala wakhe naye obesesikhwetheni ukuba uyokuchama kwaye ukwafuna nokubethwa ngumoya kodwa akazange abuye.

Ngethuba sithetha nelungu losapho, lithi umkhwetha ebengaqali ukuzama ukuqhwesha nanjengoko bafumana ingxelo etshoyo ngamapolisa ambamba kuN2 ze emva koko aluxelela usapho ngokwenzekileyo kwaye esithi ambuyisebe abhumeni akananto.

Ukanti kukho namarhe athi umkhwetha ubaleke kuba ebesoyika ukubulawa esesikhwetheni. Ilungi losapho esithethe nalo lithi kukho ushicilelo(video) olwenziweyo ngethuba umkhwetha besesikhwetheni apho ebonakala esithi uyoyika kwaye ufuna ukugoduka engekabulawa.

Ngentsasa yangoMgqibelo, umhla we-18/12, xa kanye usapho lakwaDebruin beliyokulanda umtwana wabo, baxelelwa ukuba akakho. Kuzanyiwe kangangoko ukuba akhangelwe umkhwetha kodwa akwabikho ziphumo zintle. NgoLwesibini emvakwemini, nge-21/12 malunga nentsimbi yesine(16:00) malanga, usapho lukaDebruin labika ukuba ulahlekile emapoliseni eKabega Park.

Ulahleke enxibe isibheshu sakhe kuphela kwaye kucelwa nabani na onokuthi abe umbonile uLindokuhle okanye omaziyo apho akhoyo atsalele umnxeba iOfisi yoLwaphulo-mthetho ye-SAPS Kabega Park ku-082 302 6159 okanye 041 397 6801 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
91 %
2.2kmh
33 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
17 °
Thu
32 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks