16.2 C
King William's Town
Thursday, April 18, 2024

Xa ubeka abantu kuqala kuyacaca.

Uceba omtsha kwingingqi yaseNompumelelo (eGqobhasi) kwaWard 15 uNwabisa Mcwebeni nothe wanyulwa xeshikweni kuqhuba iBCM Inaugural Council Meeting eMonti sele eqalile ukwenza uphuhliso kulengingqi.

INompumelelo(iGqobhasi) yenye yeendawo ezijamelene nemiceli mingeni emininzi phantsi koMasipala iBuffalo City equka uphuhliso nakubeni kurhuqa unyawo ukungeniswa kweenkonzo ezingundoqo eluntwini ingakumbi ulungiso lweendlela umbane nenkqubo yamanzi.

Ukanti kutsha nje uCeba walengingqi omtsha uphucule iholo loluntu lasekuhlaleni ngokuthi afakele ifenitshala entsha iidesika nezifulo zeOfisi khonukuze lisetyenziswe eliholo kwiinkqubo zasekuhlaleni. Kungokunje uvala ii(Potholes) kwiindlela zalangingqi nanjengoko bekusele kunzima ukuhamba kwezithuthi ngenxa yemo yendlela.

Omnye wabasebenzi phantsi kwi-EPWP kulaMmandla uthi bafuna ukuqashwa isigxina nguMasipala iBCM kuquka nokongezelelwa kweentsuku zokusebenza ngenxa yobumdaka kulengingqi nakubeni iyingingqi enabantu abaninzi. Ekwathi bayafuna ukubona ulutsha kwiinkqubo zasekuhlaleni beqashwa ukugxotha ikati eziko, kwaye bayaluvuyela uphuhliso oluqhubayo kulengingqi.

UCeba waleWard uMcwabeni, kudliwano ndlebe ngeentshukumo esele eziqalile zophuhliso kule ward uthi oku ziinzame zokuqula ubomi kubantu balengingqi nokuvuleleka kwamathuba emisebenzi. Kwaye kukuqinisa ulawulo lwakhe njengoCeba obekiwe , nakubeni ezazi izidingo zabahlali ngkubanzi . Loka Mcwabeni uqhube wathi kungokunje ukwiphulo lokuba kufakelwe iibhokisi zombane ematyotyombeni kuphele izinyoka kulangingqi nezichaphazela ikakhulu abantwana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
61 %
2.2kmh
34 %
Thu
30 °
Fri
28 °
Sat
25 °
Sun
26 °
Mon
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks