UProf Karim uthi ichiza lwentsholongwane kaGawulayo lingakhona kwiminyaka emihlanu ukuya kwelishumi ezayo, eMzantsi Afrika.

Iziko leNkqubo yoPhando lwe-AIDS eMzantsi Afrika (CAPRISA) livakalise ukuba likhona ithemba malunga nechiza lokunyanga intsholongwane kaGawulayo kwisithuba seminyaka emihlanu ukuya kwelishumi ezayo.

Kwihlabathi jikelele, malunga namashumi amane (40) ezigidi zabantu abaphila ne-HIV/AIDS, kuquka ne-7.8 yezigidi eMzantsi Afrika, neyona inenkqubo inkulu yonyango i-Antiretroviral ehlabathini.

Ethetha kumsitho woSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele KwaZulu-Natal, uMlawuli weCAPRISA uNjingalwazi Salim Abdool Karim uchaze amaqhinga aqhubekayo okulwa le ntsholongwane.

“Ndicinga ukuba isitofu sokugonya sisekude kakhulu; zininzi iindlela ezintsha ezinomdla, ndicinga ukuba isekude le ndlela phambi kokuba sibone isitofu sokugonya. Ndinethemba elikhulu lokuba sinokulubona unyango kwisithuba seminyaka emihlanu (05) ukuya kwelishumi (10) ezayo. Kukho iinzame zokusebenzisa izilwa-buhlungu ezinee-antiretrovirals, ngoko ke ndinethemba lokuba unyango lunokubakho,” utshilo uKarim.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA