Uqhankqalazo aludali amathuba nemisebenzi : Utsho uMphathiswa uCapa

Iqela loogqirha kunye noogqirha bamazinyo bahlanganisene ngaphandle kweNdlu yoWiso-mthetho yePhondo laseMpuma Koloni ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu kweyoMdumba. Babefuna iimpendulo malunga nokuba kutheni bengenamsebenzi.

Uqhankqalazo lwenzeke ngaphambi kokuba iNkulumbuso uOscar Mabuyane enze iNtetho yakhe yePhondo.

Oogqirha abaninzi abaselula kweli phondo bagqibile inkonzo yabo yoluntu. Kodwa bathi akukho zikhundla zixhaswayo. Abanye bebehleli emakhaya iinyanga ezininzi.

UCapa uthi ingxaki yimali.

“Ndidibene nabo, ndathetha nabo kwaye ndabaxelela ukuba sisaza kujonga uhlahlo-lwabiwo mali lwethu,” utshilo.

Ucacisile ukuba isebe alizange liqeshe abathwali okanye abacoci kwiminyaka emithathu edlulileyo. Ngelo xesha, ligxile kubasebenzi bezonyango.

“Yiyo loo nto siqeshe oogqirha abangaphezu kwamakhulu amahlanu amashumi asithoba (590) kwiminyaka emithathu edlulileyo,” utshilo uCapa.

Kodwa uthe isibhedlele asinakusebenza noogqirha bodwa.

“Njengogqirha, udinga umntu ococayo, udinga ingcali ye-physiotherapist, udinga umongikazi nazo zonke ezo zinto. Ngoko ke kufuneka sibe nokulinganisela,” utshilo.

UCapa uthe kunyaka-mali olandelayo isebe liza kubeka phambili abasebenzi abangengabo abezonyango. Oko kuquka abacoci nabathwali bemithwalo. Uthe “akaxolisi ngaloo nto”.

Iphondo beliphantsi koxinzelelo lwezemali kangangeminyaka. Isebe lezempilo lijongene nokuncitshiswa kwebhajethi, ukunyuka kwamaxabiso kunye nokwanda kwamanani ezigulana. Izibhedlele zasemaphandleni zihlala zingenabasebenzi abaninzi kwaye ziyasokola ngeenkonzo ezisisiseko.

UCapa uthe ukuba isebe linokufumana indawo kuhlahlo-lwabiwo mali, linokuqesha oogqirha abalishumi (10) ukuya kumashumi amabini (20). Kodwa ulumkisile ukuba imisebenzi ayinakudalwa ngenxa yoqhankqalazo.

“Ukuze oogqirha baqeshwe, kufuneka kubekho intengiso, kufuneka kubekho isithuba esikhoyo, kufuneka kubekho uhlahlo-lwabiwo mali olukhoyo ukuze uqeshwe. Ukwathe awuvele uqhankqalaze ucinge ukuba uza kufumana ileta yokuqeshwa,” utshilo.

Ingxaki yemisebenzi eMpuma Koloni iyaqhubeka nokubetha iingcali eziselula kakhulu. Okwangoku, oogqirha abaninzi abafanelekileyo basalinde umnxeba onokuthi ungafika kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
70 %
4.1kmh
96 %
Sun
19 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA