URamaphosa umqhwabele izandla uZondo ngokungadinwa esilwela ubulungisa

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi urhulumente ufumene imali efikelela kwi- R10 yeebhiliyoni zeerandi kwiimvume zokuthinjwa kunye nezivumelwano zolungiso ezinxulumene namatyala okubanjwa ngobhongwana kukarhulumente ngamaqumrhu abucala.

Kwileta yakhe eyibhalele isizwe qho ngeveki, uthi imiyalelo yogcino nothintelo exabisa i-R17 yeebhiliyoni nayo inikezelwe.

URamaphosa uqhwabele izandla uSihlalo weKomishoni yokuThwelwa koMbuso, uJaji oyiNtloko uRaymond Zondo, ngokuzinikela engadinwa elwela ubulungisa.

Njengoko uZondo elungiselela ukuxhoma iingubo zakhe ekupheleni kweyeThupha, umsebenzi wakhe njengoSihlalo weKomishoni yokuThwelwa koMbuso uzakuqhubeka nokubumba ubume bomthetho.

Kwincwadana yakhe yeveki, uMongameli uthi iKomishoni ikhokelele ekubeni kuwiswe imithetho emininzi efana noMthetho wokuThenga iiMpahla zikaRhulumente, phakathi kwezinye izinto, othintela nawuphi na umntu ukuba azame ukuphazamisa okanye ukuphembelela iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo emva kokuba uZondo efumanise ukuba urhwaphilizo ekuthengeni impahla.

Nangona uRamaphosa enconyiwe, akukhange kubekho ntshutshiso iphumeleleyo ngenxa yeKomishoni.

Nangona kunjalo, uMongameli uqinisekise ukuba izindululo zeKomishoni ziyaphunyezwa ngokuthe chu kwaye uZondo unokuthatha umhlala-phantsi esazi ukuba uyidlalile indima yakhe ekuthobeleni umthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA