19.2 C
King William's Town
Tuesday, September 17, 2024

Sitshe sangqongqa isigadla ebesithwele ukutya kweenkomo ku R67 cebukuhle eWhittlesea

Iloli ebithwele umthwalo wesondlo senkomo (bales of Lucerne) itshiswe ngumlilo wamadlelo emva kokuba umqhubi etyholwa ukuba ungene ngenkani kwindlela iNico Malan Pass kuR67 phakathi kweSeymour neWhittlesea evaliweyo ngoku ngenxa yokungaboni kakuhle ngenxa yemililo yamadlelo egquba kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni.
Umqhubi welori, encediswa ngabacimi-mlilo ababemcebise ekuqaleni ukuba angangeni, ukwazile ukuphinda ayibambe inqwelwana ebeyisele igutyungelwe ngamadangatya omlilo.
Ukanti umqhubi wesisigadla uye wakwazi ukuqhuba ngentloko yelori ukuya kwindawo ekhuselekileyo.

Ukanti oku kuza nanjengoko isebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba eMpuma Koloni namhlanje umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeThupha, lizakubamba indibano noonondaba malunga nomlilo wamadlelo kutsha nje kweli phondo.

Umasipala wesithili saseAmathole uthi lo mlilo unwenwele ukusuka eCathcart ukuya kutsho eMaqoma.

Abalimi beli phondo sele bebala ilahleko yabo equka iinkomo namadlelo.

“Umphathiswa uza kubamba inkomfa noonondaba ukuze athethe ngokwanda kwemililo yamadlelo exhaphakileyo. Umphathiswa uyothuswa kukunwenwa ngokukhawuleza kwale mililo kwaye ulumkisa ukuba ukuqala imililo kwiindawo ezivulekileyo ngaphandle kwemvume evela kwimibutho yasekuhlaleni yokukhusela umlilo lityala lolwaphulo-mthetho. Isebe lixakene nezicelo zokucela uncedo kumafama achatshazelwe yile mililo iqhubekayo. Ekhatshwa ziingcaphephe kwezolimo, uMphathiswa uza kunika ingxelo eneenkcukacha kwaye achaze izicwangciso zongenelelo lwesebe,” utshilo uAtule Joka, isithethi sesebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba eMpuma Koloni.

Isithethi sesebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthi bahlaba ikhwelo kubasebenzisi bezendlela ingakumbi abaqhubi ukuba bathobele imiyalelo yezendlela ingakumbi kwezindawo zichatsha zelwe yimililo yamadlelo. Esithi esisehlo sibonakalisa elubala eyonanto imanymnyezi engathi yenzeke ukuba ubani akayithobeli imithetho yamagosa ezendlela, ukwathe isebe libulela ukuba kungekho mtu othe wasweleka okanye owonzakeleyo kulentlekele. Ulebele ngelithi lendlela isavaliwe de kube kanti kususwa esisigadla kwaye nomsi uthombalale

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
42 %
1.1kmh
100 %
Tue
23 °
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
12 °
Sat
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks