By Esona Magawana
Umongameli uCyril Ramaphosa ususe iLungu lePalamente yeDemocratic Alliance (DA) uGq Dion George njengoMphathiswa wezaMahlathi,ukuLoba kunye nokusiNgqongileyo ngenxa yamabango “wokungasebenzi kakuhle” kwakhe, wafaka uWillem Abraham Stephanus (Willie) Aucamp.
“Ngokungqinelana necandelo 91(3)(b) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ndinyule uMnu Willem Abraham Stephanus Aucamp njengoMphathiswa wezaMahlathi,ukuLoba nokusiNgqongileyo. Ngenxa yoko, ndimsusile uGqr Dion George kwisikhundla sakhe ngokwecandelo le-91(2) loMgaqo-siseko,” sitshilo isithethi sikamongameli uVincent Magwenya kwingxelo.
URamaphosa ukwathe wonyule u-Alexandra Abrahams njengoSekela Mphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano. U-Abrahams uthatha isikhundla esishiywe ngu-Andrew Whitfield, owasuswa ngoJuni. Zozibini izikhundla zesigqeba zigcwaliswa ngabachongiweyo beDA ngokuhambelana nesivumelwano seGNU.
Inkokheli yeDA uJohn Steenhuisen uhlomle ngotshintsho kwisigqeba sikazwelonke. “Olu nyulo luza komeleza igalelo leDA kwi-GNU, kwaye luqhubele phambili inkqubo yohlengahlengiso olungxamisekileyo kwilizwe lethu nakubantu balo abalidinga kakhulu,” utshilo uSteenhuisen.

