12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

URamaphosa uvula umzila wokuKhula noHlengahlengiso ngo-2025 kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe, izolo

UMongameli uqaqambisa intswela-ngqesho kulutsha, iziseko zophuhliso, imfundo, kunye nohlaziyo lolawulo.

UMongameli uCyril Ramaphosa wenze iNtetho yakhe engoBume beSizwe yowama-2025 (SONA) kwiHolo yeSixeko saseKapa phezolo, echaza izinto eziphambili kulawulo lwakhe kuhlumo loqoqosho, uphuhliso lweziseko ezingundoqo, imfundo, kunye nohlengahlengiso lolawulo.

URamaphosa uqale intetho yakhe ngokuzilela ukubhubha kabuhlungu kwamajoni ali-14 oMzantsi Afrika ebeyinxalenye yephulo logcino xolo eDemocratic Republic of the Congo (DRC).

Umfanekiso: UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa.

“Sihlanganisana apha njengoko ilizwe lethu lizilela le lahleko imbi kakhulu,” utshilo, eqinisekisa ukuzibophelela koMzantsi Afrika kuxolo nokhuseleko lwamazwe ngamazwe.

Eyona nto ibigxile kakhulu kule ntetho ibikukungaphangeli kolutsha, nalapho uRamaphosa ebethelele imfuneko yokudalwa kwamathuba emisebenzi ngamaphulo okuqesha uluntu kunye notyalo-mali lwecandelo labucala. Uqaqambise impumelelo yeMvuselelo yeNgqesho kaMongameli, ebonelele malunga nezigidi ezi-2.2 zamathuba omsebenzi kunye nokuziphilisa.

“Ngoku kufuneka sakhele phezu kwezi nkqubo zintsha zokudala amathuba emisebenzi kulutsha ngomlinganiselo omkhulu ngakumbi,” watsho, esongeza ukuba amacandelo afana nemveliso eluhlaza, amandla ahlaziyekayo, izithuthi zombane, kunye noqoqosho lwedijithali aza kudlala indima ebalulekileyo ekukhuleni kwengqesho.

Umfaneksio: IBhulorho, iMntentu, eLundini, eMpuma Kapa.

URamaphosa uchaze iiprojekthi ezinkulu zeziseko ezingundoqo, ingakumbi eMpuma Kapa, njengenxalenye yotyalo-mali lukarhulumente lwe-R940 yeebhiliyoni kwiziseko zophuhliso kule minyaka mithathu izayo.

“Ukwakhiwa kweBhulorho yaseMtentu kuyaqhubeka. Le bhulorho izakunyuka phezu komlambo ophakathi kwePort Edward neLusikisiki, ibe yeyona bhulorho inde eAfrika,” ubhengeze ngelitshoyo. Ukwakhankanye idama iNtabelanga kumlambo uMzimvubu, enjongo yayo ikukubonelela ngamanzi ongezelelweyo okusetyenziswa ekhaya kunye nokunkcenkceshela kweli phondo.

UMongameli uchaze izinto ezintathu eziphambili ngobuchule ezingundoqo zeSicwangciso soPhuhliso seXesha eliPhakathi ezamkelweyo ezitsha:
1. Ukuqhuba ukukhula okubandakanyayo nokudalwa kwemisebenzi.
2. Ukunciphisa intlupheko nokujongana neendleko eziphezulu zokuphila.
3. Ukwakha isimo esikwaziyo, esisesikweni, nesiphuhlayo.

Umfanekiso: UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa.

Ukukhawulelana nokungasebenzi kakuhle koomasipala, urhulumente uza kuseka amaziko aphantsi kolawulo olusesikweni kwiinkonzo zamanzi nombane.

“Ukusukela kulo nyaka, siza kusebenzisana noomasipala bethu ukuqinisekisa ukuba kukho utyalo-mali olufanelekileyo kunye nokugcinwa kwazo,” utshilo, evuma imicelimngeni ebangelwa kukusilela korhulumente wasekhaya.

URamaphosa ubhiyozele irekhodi eliphezulu lereyithi yokupasa imatriki eyi-87%, phantse isiqingatha saba bafundi baye bapasa ngeSidanga.

“Akukho nto inokunciphisa ukuzingca kwethu ngokusebenza nzima kwaba bafundi kunye nenkxaso engagungqiyo yootitshala babo, abazali, noluntu ngokubanzi,” utshilo.

Umfanekiso: UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa.

Ukwabethelele ukuzinikela kukarhulumente ekwandiseni ufikelelo kuPhuhliso lwaBantwana abasaQala iMfundo (ECD) nokuphucula imodeli yenkxaso-mali yemfundo ephakamileyo.

“Kunyaka ophelileyo, bangaphezu kwama-900,000 abafundi abasuka kumakhaya angathathi ntweni nabangabasebenzi abafumene inkxaso-mali yokufunda kwiiyunivesithi nakwiikholeji,” utshilo.

Umlo ochasene ne-HIV/AIDS usengowona uphambili, nenkqubo yonyango yaseMzantsi Afrika iyeyona inkulu ehlabathini. URamaphosa ukuqinisekisile ukuzinikela kukarhulumente ekwandiseni ufikelelo kunyango kunye namanyathelo othintelo.

“Siza kuqhubeka nenkqubela phambili yethu ekunciphiseni usulelo olutsha kunye nokuqinisekisa ukuba wonke umntu ophila ne-HIV uyafikelela kunyango olusindisa ubomi,” utshilo.

URamaphosa uyivumile imiceli mngeni yezoqoqosho nentlalontle uMzantsi Afrika ojongene nayo kodwa uhlala enethemba lokuba ilizwe lingakwazi ukuyoyisa.

“Asiyi kuphazanyiswa. Singabantu abanyamezelayo,” utshilo, ememelela umanyano nentsebenziswano phakathi kwemibutho yezopolitiko, amashishini, kunye noluntu ukuze kuqhubele uMzantsi Afrika phambili.

Njengoko urhulumente ezama ukuphumeza la manyathelo, abemi boMzantsi Afrika baza kube bejongile ukubona ukuba ezi zicwangciso zamabhongo ziguqulela kuphuculo olubonakalayo kubomi babo bemihla ngemihla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks