URamaphosa uwothulel’ umnqwazi imisebenzi yabancedisi bootitshala ngokunceda izigidi zabantu abatsha.

By Buhle Nomgalasa

Inyathelo leenyanga ezintandathu iPresidential Youth Employment Initiative (PYEI) — iSiseko seMfundo esiSiseko seNgqesho ibonelela abantu abatsha abangaphangeliyo abangamakhulu amabini ewaka (200,000) abaphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) namashumi amathathu anesine (34) ithuba lokuqeshwa njengabancedisi bezemfundo nabancedisi bezikolo ngokubanzi kwizikolo zikarhulumente. ISigaba sesihlanu siqale ngeyeSilimela, kwaye abaviwa abaphumeleleyo baya kufumana umvuzo wenyanga wamawaka amane (R4,000) kunye neR30 eyongezelelweyo yedatha.

Ethetha noonondaba ngoLwesibini, uRamaphosa uyichaze le nkqubo “njengemangalisayo”. “Yinkqubo egqubayo equka zonke izikolo zethu ezingamashumi amabini anesihlanu amawaka(25 000). Ndiyavuya kuba isebe lemfundo esisiseko liyithathele ingqalelo, lisebenzisana ne-Ofisi kaMongameli ngokusebenzisa iPYEI, isebe lezemisebenzi nengqesho nalo lincedise ngale mali.” Uthe ufuna le nkqubo iqiniswe, watsho esithi ilungiselela abantu abatsha icandelo lemisebenzi emiselweyo.

“Kubonakala kuluncedo ngeendlela ezininzi. Okokuqala, kubantu abatsha esibazisayo abangazange bafumane imisebenzi. Ngoko ke sibazisa kwiimeko ezisemthethweni zemisebenzi. Bangena kwiziko elisemthethweni kwaye bafunde kakhulu. Bafumana ulwazi oluninzi, uqeqesho, izakhono zokulawula kunye nezakhono zabantu ukuze bakwazi ukusebenzisana nabantu abatsha, kwaye bagqwesa.

“Oku kudla ngokubanika amandla aba bantu batsha kwaye sibenabo abangaphezu kwezigidi ezibini.” Izinga lentswela-ngqesho eMzantsi Afrika linyuke laya kutsho ku-32.9%, intswela-ngqesho kulutsha inyuke yaya kutsho ku-46.1%, nto leyo eshiye izigidi zabantu abatsha bengenamsebenzi. URamaphosa uthe nangona enqwenela ukuba le nkqubo ibe nde, ukungabikho kwezixhobo zokusebenza kwenza kube nzima. Ngaphandle koku, uthe inkqubo iya iba nefuthe kwihlabathi jikelele.

“Le izakuba yinkqubo eyaziwayo kwihlabathi, amanye amazwe amaninzi ayayijonga le nto siyenzayo apha kwaye amanye awo azakukopa le nto siyenzayo, ngoko ke singabantu abahamba phambili ngeendlela ezininzi.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA