18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

URamaphosa uyazikhalazela iindleko eziphakamileyo zokuphila kunye nentswela-ngqesho.

UMongameli uCyril Ramphosa uligxekile ixabiso eliphezulu lokuphila kweli lizwe ngelixa iinkampani ezininzi zisenza inzuzo enkulu. Wenze intetho yakhe yokuqala ePalamente njengenkokeli entsha kuRhulumente woManyano lweSizwe (GNU).

URamaphosa uthi inkqubo entsha karhulumente isebenza nzima ukunqandela abemi boMzantsi Afrika kumaxabiso onyukayo okutya.
“Eyesibini into ephambili njengoRhulumente woManyano weSizwe kukujongana nentlupheko kunye neendleko eziphezulu zokuphila. Nangeli xesha iinkampani ezininzi zenza ingeniso enkulu, kodwa izigidi zabemi boMzantsi Afrika zitsala nzima ngenxa yokunyuka kwala maxabiso.

“NjengoRhulumente woManyano lweSizwe, siza kukhangela ukwandisa ibhaskithi yokutya okuyimfuneko okungahlawulelwayo kwi-VAT kwaye senze uphononongo olubanzi lwamaxabiso alawulwayo, kuquka nefomula yexabiso yamafutha eemoto, sizokuchonga iindawo apho amaxabiso anokwehliswa khona.”

URamaphosa uvumile ukuba ngaphandle kweenzame zikarhulumente zokuphucula impilo yabemi boMzantsi Afrika kule minyaka mihlanu idlulileyo, uninzi lwabantu beli lizwe abasasebenzi kwaye bayahlupheka.

Izinga lentswela-ngqesho eMzantsi Afrika ngoku limi ku-32.9%. Linyuka lisuka ku-25.5% ngo-2019 ngethuba uRamaphosa ethatha iintambo.

UMongameli uthi le yinto exhalabisayo kulorhulumente wesixhenxe.

“Bemi boMzantsi Afrika, nangona kukho impumelelo yeminyaka engamashumi amathathu (30) yedemokhrasi kunye nomsebenzi owenziweyo kule minyaka mihlanu idlulileyo yokwakha ngokutsha uqoqosho lwethu noluntu lwethu, izigidi zabemi boMzantsi Afrika zisatsala nzima, aziphangeli kwaye ziphila kumanqaba oluntu olungalinganiyo. Kangangeminyaka elishumi elinesiqingatha, uqoqosho lwethu alukhuli kakuhle.

“Iimeko zabantu baseMzantsi Afrika namhlanje zifuna ukuba sisebenze kunye njengoRhulumente woManyano weSizwe kunye nabo bonke abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwilizwe lethu ngokungxamisekileyo, ngenkalipho nangokucacileyo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks