Igatyana lomfana eliseze ngobuso elizweni ogama linguThulani Qwesha noneminyaka angamashumi amabini anesibini ubudala (22) ngusomashishini osakhasayo.
Lo kaQwesha waqala ishishini lokutyala nothengisa imifuno kwilali yaseNqamakhwe kude kufuphi naseDutywa. Elishishini uliqale kulonyaka kwinyanga yoKwindla kwaye selinemphepha kungoku nje.
UThulani uthi elishishini waliqala engenalo uncedo okanye isibonelelo semali, koko wathatha kwimali ayibonelelwe nguRhulumente yokufunda(NSFAS allowance) ukuze abhatale iindleko zokuqala elishishini.
Sithetha nje elishishini lisakhasayo selithengisela iivekile ezinkulu ezifana noSpar, Food lover’s Market kunye neDyunivesi yaseFort Hare apho enza khona izifundo zeEconomics iB.com.
UThulani Qwesha wazelelwa wakhulela kwilali yaseNqamakhwe nalali ezo zitsala nzima ekufumaneni amanzi. Lo kaQwesha akavumelanga ubunzima belali zakhe bume endleleni yakufezekisa amaphupha akhe okuba ngusomashishini wemifuno.
Ngenzame zakhe nalapho ancediswa ngumninawa wakhe ukukhulisa elishishini lakhe. UThulani ucela nabani na onokuncedisa ekufezekiseni iphupha lakhe ancede nanjengoko besokola ukufumana amanzi kunye nezithuthi ukuze athuthe iimveliso zakhe ukufikelela apho ayithengisa khona.
Ingxelo:Anita Qubula