Mibini(2)imizimba efunyenwe isitsha ngaphakathi evenkileni logama omnye kubo ebotshelelwe

AmaPolisa ase Kleibulhoek aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni kwandule kutshiswe amadoda amabini eLower Didimana ngosuku lwangolwesibini nayizolo.

Kuytyholwa ukuba ngentseni yayizolo ngentsimbi yethoba kusasa kukho mthengi uthile ebeyokuthenga kule Venkile waza wathi akubona ukuba kuvaliwe wakroba nge Festile. Lo mthengi ubone umsi ngaphakathi ze kwabizwa abakwantsasana ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo nalapho kufunyenwe imizimba yamadoda amabini itshe yangqungqa. Kurhaneleka ukuba amaxhoba ebelele ngaphakathi kule Venkile.

Akukaziwa ukuba ngobani lamadoda abhubhileyo. AmaPolisa acela uncedo kuluntu ukuba lubancedise koluphando nokuba ingaba ngoobani lamadoda abhubhileyo. Kuyacelwa umntu onganolwazi atsalele umnxeba kuMphathi wesikhululo samaPolisa uKapteni Sakhiwo Zenzile ku 082 4475 348 okanye ku crime stop ku 08600 10111 okanye kwisikhululo samaPolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA