Usapho luceba ukutyumba iBambela Kumkani/Kumkanikazi.

Ziphumile iziphumo zeKhomishini ngokumiselwa kosapho lwasebukhosini olusemthethweni olunelungelo negunya lokongamela ukuba

limisele iKumkani eBambeleyo okanye iKumkanikazi eBambeleyo kubuKumkani bamaMpondo.

Izindlu zaseMarhelane zithi zinqobile nanjengoko iziphumo zeKomishoni ebikhokhelwa nguGqirha Mndende zikhutshiwe.

IKomishoni iye yahlalela lomcimbi emva

komyalelo weNkundla ePhakamileyo ngoNovemba ka-2023 owayalela ukuba inkulumbuso iseke ikomishoni ukuze iphande kwaye imisele ukuba olona sapho lunegunya lokuchonga iKumkani eBambeleyo/uKumkanikazi.

Ingxabano yayingokweCandelo lamashumi amahlanu anethoba (Section 59) elifundwa kunye necandelo leshumi elinesithathu (Section 13) leMveli kunye noMthetho wobuNkokheli be-Khoi San, wesithathu (3) ka-2019.

Kusenjalo iNkosana uDumelani kunye neNkosana uCetywayo babanga ngelokuba batyunjwa njengooSihlalo bosapho lwasebukhosini baMaFaku baze uKumkanikazi uNobandla uSigcau, uNkosi Jongilanga Sigcau kunye neNkosazana uStella Sigcau wesibini enkundleni bebanga ngelokuba banelungelo ngokwesintu lokumisela uKumkani obambeleyo/ikumkanikazi kubuKumkani bamaMpondo.

Nangona kunjalo oku kwaphikiswa yiNdlu yobuKumkani baMarhelane emelwe nguNkosi Jongilanga Sigcau onguSihlalo weNdlunkulu, uKumkanikazi uNobandla Sigcau kunye neNkosazana uStella Sigcau II owenza usapho lwasebukhosini olungundoqo, Isilili, olunelungelo lesintu nelomthetho lokwenza unyulo olulandelayo, olufanelekileyo kunye neenkqubo zesintu, nokuthotyelwa komthetho we-Traditional Leadership and Khoisan Leadership Act 3 of 2019.

Ntlandlolo, iKomishoni yamisela ukuba ulwakhiwo olukhokelwa nguNkosana uCetywayo lenze iBhunga kwaye Iibandakanywe nezindlu ezininzi ezincinci ezikude kakhulu kwindlu elawulayo.

IKomishoni yagqiba ukuba umgaqo-siseko wezindlu zaseMarhelane wawukufutshane kwisizukulwana sangoku sendlu elawulayo nokuba umgaqo-siseko wabo wawunjalo ngokuhambelana nenkcazelo yobuNkokheli beMveli nomthetho wamaKhoisan losapho lwasebukhosini nokuba ezi zindlu zimbini kufuneka ziphinde zakhiwe njengento enye kwaye emva koko kumiselwe uKumkani oBambeleyo okanye uKumkanikazi.

NgeCawa, umhla wamashumi amathathu (30) kwinyanga yeSilimela, usapho lwasebukhosini lwadibana ukuze luqulunqe ngeziphumo zeKhomishini. Usapho lwasebukhosini lugqibe kwelokuba kubizwe intlanganiso eyahlukileyo, enjongo yayo ikukuchongwa kweKumkani ebambeleyo okanye uKumkanikazi kulandela iinkqubo zesintu ngokuthobela umthetho kunye nokuqwalaselwa kweengcebiso zeKomishoni.

Isigqibo sosapho lwasebukhosini malunga nokuba ngubani omawuthathe iBambela-sikhundla siya kwaziswa ngokusesikweni nangemijelo esemthethweni, ii-ofisi ezifanelekileyo ukuze kuthathwe amanyathelo afanelekileyo kunye nokufakwa kwigazethi.

Ukanti isiphumo seKomishoni siza ngexesha elibalulekileyo lokucacisa ukubhideka okuye kwaziswa ngabom nokugqwetha amasiko malunga noBukhosi nesizwe samaMpondo.

Indlu yeeNkosi imemelele umanyano kubuKumkani bamaMpondo nakuwo onke amaqela ukuze kulungelwe ngakumbi uBukumkani nabantu babo.

Zimbini Mdolomba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
89 %
2.2kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA