Mithathu imizimba esalindele ukuchongwa ziintsapho zawo sukela nyakenye zasweleka.

Amapolisa aseKabega Park afuna uncedo kuluntu ukuze kuchongwe imizimba yabantu abathathu abasweleka nyakenye kwiziganeko ezithathu ezahlukeneyo.

Abacuphi kwiNkonzo yesiPolisa eKabega Park babongoza iintsapho zabantu abathathu (3) abasweleke phantsi kweemeko ezintathathu ezahlukeneyo ukuba zize ngaphambili ukuzokufumana imizimba yezizalwane zazo.

Kwimeko yokuqala, iintsalela zamathambo zomntu omdala oyindoda zafunyanwa ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kuFebruwari ka-2023 ematyholweni asecaleni kweSitalato saseNorland, eBrymore. Kurhaneleka ukuba lo mntu wayengummi wasendle ngexesha lokubhubha kwakhe.

Kwimeko yesibini, indoda eyayihamba ngeenyawo (iminyaka iqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathandathu (60) ubudala) yawiswa kwingozi yemoto ngomhla wesihlanu (05) kuSeptemba ka-2023 malunga necala emva kwentsimbi yeshumi (22:30) eSamantha Way, eKabega Park. Wayenxibe tracksuit eMaroon ngexesha lokubhubha kwakhe.

Kwimeko yokugqibela, indoda eyayihamba ngeenyawo yagilwa yimoto ngomhla wesithathu (03) ku Okthobha ka-2023 malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe (19:30), ngorhatya lwemivundla kuhola wendlela uN2 kufutshane neefama zomoya eFitches Corner. Wayenxibe ibhatyi emnyama, iblukhwe emnyama, iikawusi zesoka ezimnyama namhlophe kunye nezihlangu ezimdaka (Brown). Ngenxa yobungakanani bomonzakalo uqikelelo lweminyaka yakhe alukwazanga ukwenziwa.

Abakwasidlodlo bacela nabani na onokunceda amapolisa ngolwazi olunokunceda ekufumaneni iintsapho, angaqhagamshelana nabakwasidlodlo eKabega Park, uDetective Sajini uDedré Harker kule nombolo 063 157 2964 okanye 08600 10111.

By Zimbino Mdolomba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA