Lilitha Phenduka.
Oku kulandela upapasho lwephephandaba i-Daily Dispatch edize ukuba imbalelwano yoMbutho oZimeleyo woLuntu lwaseMzantsi Afrika (ISANCO) iye-kuRhulumente kaZwelonke ngezityholo zokuba esi sixeko sithengele uMbhexeshi oyiNtloko weBhunga isithuthi sikanokutsho ngokufihlakeleyo — ngokuchasene neengcebiso zecandelo laso lezomthetho.
I-ISANCO ikwatyhole ngelithi uMasipala akazange alandele iinkqubo ezifanelekileyo ngethuba iSicwangciso esiHlangeneyo soPhuhliso luka-2023/2024 (IDP) kunye noHlahlo Lwabiwo-mali sisamkelwa libhunga.
Isixeko sikwagxekwe ngamaqela ngamaqela ngokusilela ukubonisana ngokwaneleyo nabahlali phambi kokuba siphumeze uhlahlo lwabiwo-mali luka-2024/2025 kunye ne-IDP. INkokeli yePhondo le-ISANCO uMzwandile Vaaiboom ubhalele urhulumente kazwelonke kunye ne-ofisi yokhuselo loluntu ukuba angenelele kulo mba waze wafaka uxwebhu lwezikhalazo kwisithethi se-BCM.
Isithethi sesixeko i-BCM uSamkelo Ngwenya uthi umasipala uzakusebenzisana nolu phando. UNgwenya ukwathe ukuba kukho naluphi na ulwazi olufunwa liSebe loLowulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (Cogta), baza kusebenzisana njengoko beqhele ukwenza, ngamaqumrhu abo orhulumente.
Ngenyanga yoMdumbha ka-2023, ingxelo zapapasha ukuba uceba, wanikwa isithuthi solawulo kwaye wabonelelwa ngokhuseleko ngo-2022. Oku kusenzeka nangona isebe lezomthetho kwesi sixeko lisithi akukho zizathu zisemthethweni zesi sigqibo. Ngokomthetho ofanelekileyo, ngusodolophu kuphela, usekela-sodolophu, kunye nesithethi sebhunga kuphela abanelungelo kwezo zibonelelo zolawulo.

