By Sophumelela Singqota.
I-Influencer ekwayiyo neYouTuber, uLasizwe Dambuza kutshanje udize ukuba enye yeenkqubo zakhe zikaYoutube ethi “Awkward Dates” ibuyela kumabonakude emva kokuba erhoxile kwikhontrakthi ekuqaleni kwalo nyaka.
UDambuza uthethe ezi ndaba ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeThupha 2025, kwikhasi lakhe uInstagram waza wabhala amazwi akhe athi: “QAPHELA NGUBANI OBUYILEYO KWIDSTV?”, “Awkward dates kuMzantsi Magic?”.
Ukuvakalisa uchulumanco lwakhe kweli shishini litsha, wenze “iKhanyi Mbau Dance” kadade wabo, ethe yaduma kwezi veki zimbalwa zidlulileyo.
Inkqubo ethi Awkward Dates ekuqaleni ibiphakathi kweenkqubo zikaYouTube ezisibhozo kunye neepodcasts ezabhengezwa ukuba zizakusasazwa kwiDStv ukuzisa umxholo omtsha onxuse ulutsha.
Nangona kunjalo, umboniso kaDambuza waye wema emva kokuba eye wabandakanyeka kwimbambano emalunga nemali engahlawulwanga.
Ekuqaleni konyaka, iingxelo ezininzi ze intanethi zachaza ukuba uDambuza waye waqhawula amaqhina neMultichoice ngenxa yesityholo sengxabano ebandakanya iimali ezingahlawulwanga kunye nokophulwa kwesivumelwano sikaDominic Zaca.
Ngokwengxelo ye“City Press”, umthombo udize ukuba uDambuza ugqibe kwelokuba aqhawule amaqhina nomsasazi ngethuba kwakusenzeka le mpixano.
“Ukuqala kwale mpixano uLasizwe wothuka, wagqiba kwelokuba aphelise isivumelwano sakhe neMultichoice.
Kusenjalo, uZaca ebewuvalile lo mbango wemali kwaye wayisasaza kumakhasi onxibelelwano kwaye ebesoloko efuna iimpendulo kuDambuza kunye neMultichoice.
UZaca wabanga ukuba uLasizwe ubatyala imali phambi kokuba bafote isiqendu kwiAwkward Dates waphinda watyhola uLasizwe ngokophula isivumelwano somlomo nesibhaliweyo.
Itshantliziyo lamalungelo oluntu lithe: “Lasizwe Dambuza, ingaba wena neqela lakho ningathanda ukundihlawula ngokwaphula isivumelwano esasinaso okanye niza kuhlala ningandihoyi okanye nixoka qho nithi niza kundinika impendulo?”
UDambuza emva koko wathetha ngalo mba kwenye yeenkqubo zakhe zikaYoutube ethi “Drink or tell the Truth” kweyeKhala, watsho ngokungangqalanga ukuba akatyali nto mntwini.

