23.4 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

UMiss Golden Heart Mzantsi Afrika akafikanga ugalelekile.

By Sophumelela Singqota.

UMiss Golden Heart waseMzantsi Afrika lukhuphiswano olukhethekileyo loonobuhle olubanjwa minyaka le eMzantsi Afrika. Olu khuphiswano lwaqalwa ngo-2020 nguIsipho Madondile-Wanga eMdantsane. Injongo yakhe yokuqala lo smitho yayikukunceda amabhinqa aselula ukuba azithembe kwaye abe nobubele eluntwini.

U-Isipho Madondile-Wanga, owazalwa ngonyaka ka-2001 kwilokishi yaseMdantsane, ungumseki nomlawuli wolu khuphiswano. UIsipho ukwangumbhaki, umqeqeshi weemodeli, isithethi, kunye nomyili wefashoni. UIsipho ngoku wenza izifundo zakhe zeHospitality kwiKholeji iWest Coast TVET, eKapa. Umyeni wakhe, uSiyamamkela Wanga, yena ungumlawuli oncedisayo kukukhuphiswa uMiss Golden Heart, yena ikakhulu ujolise ekuthengiseni lo msitho eluntwini, koosomashishini, koomasipala kunye norhulumente, kunye nokunyusa ingxowa-mali yomsitho.

Umfanekiso: UIsipho Madondile-Wanga ongumseki kaMiss Golden Heart Mzantsi Afrika.

Ukhuphiswano kulo nyana lwahlukile kuba lugxile entliziyweni nasengqondweni, hayi nje inkangeleko ngokomzimba. Amantombazana anazo zonke iintlobo zemizimba, ubude, imibala yesikhumba kunyee neentlanga zivunyelwe ukuba zingangenelela. UMiss Golden Heart Mzantsi Afrika ufuna amantombazana aneentliziyo ezinobubele, abantu abafuna ukunceda abanye kwaye bakhule njengabantu nangokomsebenzi.

Olu khuphiswano luthatha iinyanga ezisixhenxe kunye nemisebenzi ejonga ukuba banzulu kangakanani kwaye banenkathalo kangakanani abathathi-nxaxheba.

Umfanekiso: USiyamamkela Wanga, ongumququzeleli kaMiss Golden Heart Mzantsi Afrika 2025.

USiyamamkela Wanga uthe olu khuphiswano loonobuhle lusekelwe ukubuyisa nokuvuselela ukuzithanda, ukuzithemba kunye nokukhuthaza ukukhathalela intlalo yoluntu.

“Injongo kukunceda amantombazana azithembe kwaye banyaniseke ngabo. Lo msitho wenzelwe ukukhuthaza abathathi-nxaxheba ukuba bazithande kwaye bazamkele, bona kunye neemeko abakhulela kuzo,” utshilo.

Umfanekiso: UEsethu Bhobhozayo, onguMiss Golden Heart Mzantsi Afrika 2024, ophuma kwiphondo leNtshona Koloni.

Wongeza ngelithi abaququzeleli balo msitho baye babambe iintetho ezibonakalayo zokunxibelelana nabakhuphisanayo, baqonde ubunzima babo, kwaye banike iingcebiso kunye nenkxaso. Olu khuphiswano lumalunga nefuthe lokwenyani, hayi nje izithsaba kunye nobuhle.

Ngonyaka ka-2025, kukho abagqwesileyo abangamashumi amabini (20). Amantombazana asibhozo aneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ukuya kwengamashumi amabini anesibini (22) akhuphisana ngesithsaba esitsha esisemthethweni esibizwa ngokuba yiZAZI. Esi sithsaba senziwe phesheya kolwandle, ePhilippines, kwaye siya kuboniswa esidlangalaleni ngenyanga yoMsintsi 2025.

Umfanekiso: UMinentle Zhang, onguMiss Golden Heart Mzantsi Afrika 2024, ophuma kwiphondo leMpuma Koloni.

Abaphumeleleyo baya kufumana amabhaso afana nokuchitha impelaveki e-Ellipse Waterfall Executive Apartments eMidrand kunye nohambo oluya kuhlawulwa ngokupheleleyo oluya eThekwini nase-Amanzimtoti.

Umsitho omkhulu wokugqibela uya kuba ngomhla wesine (4) kwinyanga yeDwarha 2025, eLilitha Boutique Hotel eBeacon Bay, eMonti.

Kwabo bangeneleleyo baquka abasuka iRhawuti, iFreystata, iMpuma Koloni, neNtshona Koloni. Olu khuphiswano luthembisa uchulumanco kunye nemingeni emandla.

UWanga ukwathe ngelixa beququzelela olukhuphiswano, baye badibana nemiceli mngeni eliqela, efana nokuphulukana nabangeneleli, nto leyo echaphazele uhlahlo lwabiwo-mali kunye nezicwangciso zabo.

Umfanekiso: ULesedi Sehlabi, onguMiss Golden Heart Mzantsi Africa 2024, ophuma kwiphondo leFreyStata.

Ukujonga phambili, uMiss Golden Heart Mzantsi Afrika ufuna ukukhula ngakumbi ngokubandakanya abathathi-nxaxheba bamazwe ngamazwe kunye nokongeza izithsaba zamantombazana amancinci. Bakwaceba ukusebenzisana nemibutho emininzi ukunceda amabhinqa aselula angakumbi.

Abaxhasi banokudibana nabagqwesileyo bokugqibela kwaye babone isithsaba kwi-”Free Meet and Greet” ngomhla wesithathu (3) kweyeDwarha 2025, kudederhu lweevenkile iHemingways, eMonti. Kuhlaziyo, banokulandela uMiss Golden Heart Mzantsi Afrika kuFacebook nakuInstagram.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
38 %
5kmh
48 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks