By Lilitha Phenduka.
Ngokwengxelo zika nomathotholo i-Algoa FM umrhanelwa uGary van Niekerk uvele kwikundla zamatyala eGqeberha ngoLwesine umhla wesithandathu (06) ngezityholo zolwaphulo-mthetho lwe-intanethi kwaye utyholwa ngokutyeshela uMthetho wolawulo lwemali kamasipala.
UVan Niekerk wenza ityala lomthetho elingaphezulu kwamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe amawaka eerandi (R570,000) xa wayephikisa ukugxothwa kwakhe kumbutho owawusakuba nguManyano woMntla (NA) ngo-2022.
Ngalonyaka, uVan Niekerk wayelilungu leNdlu yoWiso-mthetho, uceba kamasipala, kunye noSomlomo kuMasipala waseNelson Mandela Bay. Ngenxa yezityholo zoluleko, iNdlu yoWiso-mthetho yarhoxisa ubulungu beqela elityholwayo, kwaye umphathi wesixeko ngelo xesha, uNoxolo Nqwazi, wabhengeza ukuba isihlalo sakhe asinamntu kwiKomishoni yoNyulo eziMeleyo (IEC).
Uxwebhu lwezityholo luthi uVan Niekerk waqesha iinkonzo zeBoqwana Burns Attorneys (BBA) ngomhla wesibhozo (8 )kwinyanga yeSilimela ka-2022, oku kutyholwa ukuba wayengenagunya kwaye etyeshela iinkqubo zolawulo lwentengiso.
Kwiinyanga ezintathu emva koko, ngenyanga yoMnga ka-2022 emva kokubuyiselwa kuka-Van Niekerk njengoceba, wanqwenela ukufumana ingcebiso yezomthetho kwiinkqubo zebhunga, kodwa esi sicelo sakhatywa nguManejala weSixeko ngelo xesha.
Xa liqhubeka ityala, igqwetha lombuso u-Ulrike de Klerk uxelele inkundla ukuba abo bakhusela umtyholwa abawuthobelanga umyalelo wenkundla. Ngexesha lokuvela kwenkundla yangaphambili, umthetheli wachaza ukuba ufuna ukwenza iinkcaza ezithile kuMlawuli weSizwe woTshutshiso loLuntu.
Inkundla emva koko yayalela abakuseli bomthyolwa ukuba babe sele belungisile izindululo zabo kwaye bazifake ngomhla owawuxeliwe kodwa abazange bakwenze oko.
Igqwetha labakhuseli uPaul Roelofse (owayemele uDanie Gouws) wadiza ukuba akanalo ulwazi oluthe vetshe ngetyala. Nangona kunjalo uthe uGouws wayekhathazwa yimpilo.
Umantyi uKuselwa Majali uthe yonke imiba engekagqitywa mayigqitywe ngosuku oluphambi kokuba baqhubele phambili nokuxoxwa kwetyala.
Ethetha emva kweengxoxo ngaphandle kwenkundla yamatyala oshishino, isithethi secandelo lophando lolwaphulo-mthetho oluphambili u-Ndiphiwe Mhlakuvana uthe bayavuya ukubona inkqubela kulo mba njengoko kumiselwe ixesha lethutyana lokuchotshelwa kwetyala.
UVan Niekerk uphumile ngesilumkiso.

