Uluntu lutyhola uMasipala ngezithembiso ezingafezekiswayo.

By Lilitha Phenduka.

UMasipala wase-Nyandeni eMpuma Kapa kwilali yase-Nkqubela ungxengxeze kuluntu ukuba luzinze emva kosasazo lweVidiyo kumakhasi onxibelelwano, olubonisa ubunzima abajongene nabo abahlali baseNkqubela eLibode apho kunyanzeleka ukuba bakhwele iilori xakunetha iimvula ezimandla.

Abahlali baveze uloyiko lwabo lokuba abantu bangahamba namanzi welebhulorho bezama ukuwela.

USodolophu wakuloMasipala uB.V Ndamase kwiiseshoni ezibanjiweyo ugxininise kwiinjongo zikamasipala ukubonelela ngolawulo lwengingqi olunedemokhrasi noluphendulayo ebantwini ngendlela ezinzileyo.

Ukukhuthaza uphuhliso lwentlalo noqoqosho kuluntu, ukukhuthaza indawo engqongileyo ekhuselekileyo necacileyo ngesicwangciso kwaye okokugqibela nendlela ecacileyo yokuvavanya nokubeka iliso kwiinkonzo.

Kushwankathelo, ibambela likaManejala uMnu. S.V Poswa uphawule ukuba bafuna ukucwangcisa ngokufanelekileyo emva kokuba bemkele uhlahlo lwabiwo-mali lolungiso.

Iziko kufuneka lize neendlela ezizezona zokuvavanya nokubeka iliso kunikezelo lweenkonzo egxininisa ukuba le seshoni kufuneka iphonononge zonke iimfuno zoluntu

Umasipala uthi lebhulorho idinga amagunya okuba yakhiwe, kuba ithungelanisa oomasipala, nangona kunjalo bengumasipala baza kukhupha ingxelo bechaza ukuba benze ntoni ukuze baqinisekise ubantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA