15.7 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

Ushishino lweemoto lungundoqo kuqoqosho lwaseMpuma Koloni.

INkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane, uthi ukwehla kwexabiso lentengo zeemoto kungahle kunyuse izinga loshishino lweemoto.

UMabuyane wenze intetho ephambili kwindibano yokuqala yonyaka kawonke wonke nebibanjelwe eKariega izolo. Oku kuvele ngethuba ishishini leemoto lithe gqolo ukuba yintsika yoqoqosho lweMpuma Koloni, ngabantu abamalunga nama-50 000 kweli phondo abaqeshwe kweli candelo.

UMabuyane uthi ukuphucuka kwezoqoqosho kuhambisa elishishini kwicala elifanelekileyo. Uthi “Kuyasonwabisa thina, kuya kukwazi ukunika indawo eninzi kubathengi bethu. Nanjengoko nisazi ukuba icandelo lezemoto kwiphondo lethu liyintsika yoqoqosho lweli phondo, linegalelo elikhulu kuqoqosho lwethu nakuqoqosho lwesizwe.”

UMongameli ophumayo weNaamsa, uNeale Hill uthi abaphumi ngokupheleleyo kwikhonkco. Uthi ukungazinzi kwezoqoqosho ngumceli mngeni, kwaye bazama ukuqinisekisa ukuba iimoto ziyafikeleleka kubathengi. ” Ndicinga ukuba bonke abavelisi beemoto kunye nazo zonke iimpawu ezimelweyo eMzantsi Afrika zijonge ngokwenene iindlela ezinokuzama ukwenza iimoto zifikeleleke kubathengi bethu, kodwa ukuba ujonga imiba esisiseko kunye neemeko zoqoqosho, sisajongene ne ikota enzima kakhulu, sinenzala eguquguqukayo,” wongeza u-Hill.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
83 %
2.1kmh
86 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
16 °
Thu
31 °
Fri
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks