Lithe gqolo ukwenyuka inani lokuphangwa kuxhotyiwe kwemizi yabantu eMzantsi Afrika

Indoda yaseGqeberha ihlatywe ngethuba ihlaselwa kwikhaya layo eFramesby ngentseni yayizolo.

Ngokwamapolisa, abarhanelwa abathathu bangene kwikhaya lale ndoda e-Atlanta Crescent ngezithuba ze-01:20. Abarhanelwa ababini kwabathathu bebexhobe ngeemela. Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthe umninimzi, inkosikazi yakhe, kunye nentombi yakhe bebelele ngethuba abarhanelwa bengena kwindawo ngokuvula umnyango otyibilikayo.

Le ndoda ivuswe ngumfazi wayo emva kokuva izingqi zeenyawo ngaphakathi endlwini. Ekuhlikeni kwakhe ebhedini wahlaselwa ngomnye umrhanelwa ngemela, waza wahlatywa kwingalo yasekhohlo. Koluhlaselo kuthathwe I-iPad, ikhamera yedijithali, ubucwebe, ilaptop, nomabonakude weSamsung.Intombi yale ndoda ikwazile ukubalekela kubamelwane ifuna uncedo, kwaza kwahlatywa umkhosi ngelikhangela uncedo.

Ngethuba lokukhangela kule ndawo, unogada uye wabhaqa umabonakude we Samsung kufuphi nodonga lomda wommangali. Amapolisa aphanda ityala lokuphanga indlu kwaye abarhanelwa basagcwele amathafa

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
73 %
1.8kmh
0 %
Wed
31 °
Thu
31 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA