Iqela loPhando ngoRhwaphilizo oluzinze eMonti looKhetshe libambe uSizwe Kupelo oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala ngezityholo zobuqhophololo nobuqhetseba, ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kuTshazimpuzi ka2024.
Kutyholwa ukuba ngenyanga yoKwindla ka-2002 umrhanelwa uSizwe Kupelo wafaka isicelo sokuqeshwa kwi-ofisi yeNkulumbuso eBhisho njengeGosa lezoNxibelelwano waze waqeshwa ngempumelelo ngenyanga kaTshazimpuzi ka-2002. KweyeNkanga kwangalo nyaka, kutyholwa ukuba waqeshwa lisebe lezeMpilo eBhisho njengoSekela Mlawuli wezoNxibelelwano.
Kusenjalo kukwakhutshwe ingxelo yokuba ngo-2020, iSebe lezeMpilo lenze uphicotho lwezakhono neziqinisekiso kubo bonke abasebenzi abaqeshwe leli Sebe apho kwafunyaniswa ukuba ngela xesha eqeshwayo uKupelo zange abenaso isiqinisekiso sebanga leshumi. Endaweni yoko kutyholwa ukuba wafaka isatifikethi sobuqhophololo ngethuba esebenza.
Lo mba uye wadluliselwa lisebe lezempilo kwibutho looKhetshe ukuze zenze uphando olunzulu noluqinisekise ngezityholo.
UKupelo ubanjwe libutho looKhetshe ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kuTshazimpuzi ka-2024. Wavela okwethutyana kwinkundla kamantyi eZwelitsha waze wakhululwa ngebheyile yamakhulu amathathu amawaka eerandi (R30 000) ukuze aphinde avele kwakule nkundla ngomhla wamashumi amathathu(30) kuTshazimpuzi ka-2024 ngomhla wenkundla yeNgingqi.
INtloko yePhondo uNjengele Mboiki Obed Ngwenya ulincomile eli gqiza ngokungabonisi loyiko okanye uvelwano xa lisenza umsebenzi walo wophando.

