16.7 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

USizwe Kupelo uthi akanawo uMatriki.

By Nyameka Lamani.

UKupelo uyasiphika isiqinisekiso sebanga leshumi kwaye uyazikhaba izityholo zokuba walahlekisa umqeshi wakhe ngokungenisa esobuqhophololo. Uwaphikile amatyala amahlanu aquka ubuqhophololo, umgunyathi nesokuba rhabaxa ngomlomo, kwinkundla yamatyala ezorhwebo eMonti. Oku kwenzeke ngomhla wethoba (09) kweyeKhala 2025.

UKupelo wazingelwa ukuze abekwe kwizikhundla eziphezulu kwiOfisi yeNkulumbuso nakwiSebe lezeMpilo ngaphandle kokungenisa isatifikethi sebanga leshumi. UAdvocate Mncedisi Simoyi uvakalise ukuba uKupelo waye wabonwa engenatyala kwiingxoxo zoluleko zangaphakathi kuba wayesaziwa ngokubanzi ukuba akanaso isidanga okanye isatifiketi sematriki.

Ungquzulwano nomphathi wakhe, uMnumzana Siyanda Manana, kuthiwa lusuka kude, lwandiswa naziimfuno zikaManana zokufuna iimpendulo malunga nenkcitho karhulumente kunye nokungabikho rhoqo kukaKupelo emsebenzini.

Kwavela urhano ngo-2021 xa uManana, emva kokuthelekisa izatifikethi zematriki sakhe, esomtshana wakhe kunye nesika Kupelo, wabona umahluko kwifonti yezizatifiketi ukuba esi sikaKupelo isiqinisekiso sahlukile. Esi siqinisekiso saqinisekiswa nanguUmalusi ukuba iinkcukhaca ezikwisatifiketi sikaKupelo ziinkcukhacha zikaCinga Dyantyi.

“Ndathelekisa isatifikethi sikaKupelo nesam nesikamtshana wam ndaza ndaqaphela ukuba iifonti zahlukile. Ndaqaphela ukuba esi satifiketi asiyonyani kwaye sesomnye umntu, uCinga Dyantyi,” woleke ngelitshoyo uManana.

Ubudlelwane obubi phakathi kukaKupelo noManana kuxelwe ukuba baqala ngo-2008, utsho uKupelo, kodwa uManana yena uthi buqale ngo-2014.

“Umphathi wam uSiyanda Manana ulithathe ngentliziyo eli tyala ngenxa yokungavisisani kwethu,” utshilo uKupelo.

UManana uxelele inkundla ukuba ubudlelwane babo bokusebenza buqale ukuba buthathaka xa wayefuna iimpendulo ngenkcitho karhulumente kwaye enemibuzo ngokuduka kukaKupelo emsebenzini.

“Ndacela amaxwebhu omsebenzi kwisebe lam ngo-2007 ukuqala kwam, ndaqala ukuba nesikrokro ngobunyani besatifiketi sematriki ngo-2021 emva kokulunywa indlebe,” utshilo uManana.

Ityala lizakuqhubekeka ngoLwesithathu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
82 %
5.9kmh
99 %
Wed
16 °
Thu
15 °
Fri
18 °
Sat
33 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks