By Nyameka Lamani.
Owasetyhini ongusomashishini oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala uvele kwinkundla yolwaphulo-mthetho olukhethekileyo lwezoRhwebo kule veki ngezityholo zobuqhophololo kunye nokuxhaphaza imali engaphaya kwezigidi ezithandathu (R6 Million).
Isithethi seHawks, uColonel Avele Fumba, uthi uAnnene Claasen ubanjwe ngoLwesibini umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMsintsi 2025 ngezityholo zokubandakanyeka kukusetyenziswa gwenxa kwezigidi zeerandi kwiiakhawunti yetrasti yomfi.
Uthi oku kubanjwa kulandela uphando olunzulu olwenziwa yiHawks eGqeberha besebenzisana necandelo lolwaphulo-mthetho olukhethekileyo kurhwebo (Specialized Commercial Crime Unit-SCCU) neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).
UColonel Fumba uthi kutyholwa ukuba ngeyoMdumba ka-2019, iinkonzo zakwaMoore Accounting yaseHumansdorp yakhupha umlawuli welifa lomfi kwiinkonzo ze-Ancoris Fiduciary (PTY) Ltd, emelwe ngumlawuli kunye nomnini zabelo, uClaasen.
Uthi emva koko watyholwa ngokufaka imali ebeyilungiselelwe abaxhamli kwiiakhawunti zebhanki zakhe zobuqu nakwezeshishini.
Njengoko uphando luqhubeka, iHawks zidize ukuba phakathi kweyoKwindla ka-2021 ukuya kuTshazimpuzi ka-2023, izixa-mali ezininzi kutyholwa ukuba zakhutshelwa kwii-akhawunti zelifa zasiwa kwiiakhawunti zikaClaasen zobuqu nezenkampani, imali engaphaya kwe-R6 yezigidi.
Umtyholwa uye wavela nje kancinci enkundleni, nalapho anikwe ibheyile yewaka (R1 000).
Ityala lahlehliselwa umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeDwarha 2025 ukuze uClaasen afumane ukumelwa ngokusemthethweni.

