By Esona Magawana.
UMongameli waseMelika uDonald Trump uthumele imbalelwano kuMongameli Cyril Ramaphosa kwikhasi lonxibelelwano uTruth Social, emxelela ukuba uMzantsi Afrika uza kuhlawuliswa irhafu yamashumi amathathu (30%) eepesenti ukusuka ngomhla wokuqala (01) KweyeThupha 2025.
UMongameli waseMelika uDonald Trump uthumele imbalelwano kuMongameli Cyril Ramaphosa kwikhasi lonxibelelwano uTruth Social, emxelela ukuba uMzantsi Afrika uza kuhlawuliswa irhafu yamashumi amathathu (30%) eepesenti ukusuka ngomhla wokuqala (01) KweyeThupha 2025, kuzo zonke iimveliso ezithunyelwa eMelika ukuba isivumelwano esitsha sorhwebo asifizekiswanga ngaloo mhla.
Intsilelo yorhwebo yaseMelika noMzantsi Afrika kulo nyaka uphelileyo ibimi kwi-8.8 yeebhiliyoni zeedola. UMzantsi Afrika ubuphakathi kwamazwe amaninzi aza kukhutshelwa ileta yamaxabiso evela kuMongameli uTrump ngoMvulo aquka iJapan, iSouth Korea kunye neMalaysia, phakathi kwamanye.
UTrump uthe le leta ibonakalisa ukomelela nokuzibophelela kobudlelwane borhwebo nangona kukho intsilelo enkulu yorhwebo noMzantsi Afrika.
UTrump uthe ubudlelwane bebukude kakhulu ekubeni bubuyelelane kwaye ukuqala ngomhla wokuqala (01) KweyeThupha 2025 intlawulo ye-30% iya kufakwa kuzo zonke iimveliso zoMzantsi Afrika, ngokwahlukileyo kuzo zonke iirhafu zamacandelo.
UTrump uxoxile ukuba i-30% yerhafu ingaphantsi kakhulu koko kufunekayo ukuphelisa intsilelo yorhwebo phakathi kwala mazwe mabini.
Uthe banokucinga ngokuphonononga uluhlu lwamaxabiso olubekiweyo ukuba uMzantsi Afrika uvule iimarike zorhwebo eMelika kwaye uphelise imiqobo yorhwebo.

