Utshe wangumqayito obezama ukuba iintambo zombane.

By Ongeziwe Ntondini.

Amapolisa eKariega kweliphondo bakhangela izihlobo zendoda etshiswe ngumbane yawunabela uqaqaqa ngentseni yaphezolo.

Kutyholwa ukuba esi siganeko senzeke ezinzulwini zobusuku kwisithuba semizuzu emihlanu emveni kwentsimbi yeshumi elinesihlanu (00:05).

Amagosa akwantsasana asabele kwisikhalazo kwinddela i-Algoa Road, kwiBhulorho i-Swartkops, e-Kariega. Ngethuba efika afumene indoda elikhaladi ebitshiswe ngumbane kwaye ibisele ibanda ceke okwempumlo yenja.

Ngokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg umfi ubezama ukweba iintambo zombane ngethuba ehlangana neembila zithutha. Kuqikelelwa ukuba khange abenalo nelokuthandaza ithuba acele indlela kodwa uqoqe owakhe umthwalo walingana ikhwapha wenyukela ngasentla kweloyise mkhulu.

Amapolisa afumene isarha, imela kunye nobhaka kwindawo yexhwayelo.
Umfi uqikelelwa kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu ubudala. Ubenxibe ibhlukhwe e-Blue nejakethi e-Dark blue.

Nabani ongancedisa amapolisa afumane iinkcukacha kufaniswe umzimba anganxibelelana namapolisa aseKariega athethe noD/Sgt JP Smith ku-071 475 2230 okanye Crime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA