Uluntu lwaseDutywa neziphaluka, lumaxhaphetshu, luphantsi phezulu ngelizama amacebo okudibanisa oko banako ukuze kuxhaswe usapho lwakwaDlisani kwilali yaseThaleni, kwisithili saseSwekileni eDutywa.
Oku kusemva kokuba olusapho lutshelwe kuko konke abanako ngumlilo ogqabhuke kwimizuzu nge emva kokuba kubuye umbane izolo elinye umhla we(9 September 2022)
Ingxelo ezithe vetshe zichaza ukuba, amalungu olisapho ebehleli emotweni phandle kuba imbane ubumkile, besaziphumlele bencokola. Kuthe kusenjalo babona ngomsi sele uphuma ngeefestile namacango kanti umlilo sele ulephuza ngaphakathi.
Bazamile kangangoko ukuleqisa endlini ngaphakathi ukuzama ukukhupha oko banokukhupha kodwa lomizamo yaphanza nanjengoko amadangatya ebesebe emakhulu kwaye nomsi urhaxa. Olusapho luthi owona mnqa, nemibuzo abazibuza yona kukuba lomlilo uvelaphi? nanjengoko besithi bebengaphekanga kwaye nalomlilo ubonakala mhlophe ukuba uqale kwigimbi lokulala nanjengoko ibilelona belivutha ngamandla kunamanye.
Ukuzothi gaa ngoku olisapho lusothukile kwaye bejongise amelo abo kwiNkampani ethulula amandla ombane(eskom) njengonobangela wesiphenjelelo salomlilo.“Kaloku ukuba icimi-cimi wombane ebengekho lomlilo ngowungagqabhukanga” litshilo ilungu losapho ngethuba sinodliwano-ndlebe nabo.
Uluntu lwaseDutywa ludibene bephosa abo bakwaziyo ukufaka isandla kwaye besiza nalonto banayo. Kananjalo bayacelwa abafunayo nabo baqhakamshelane noMiss Dlisani kwezinombolo: 0780858737 okanye bafake lonto ku Capitec Bank Acc:2006765503