15.7 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

Kuphelile tu ngesakhiwo nesasifudula siyiPosi eQonce izolo!

Sitshe saphela isakhiwo sakudala nesasifudula sisebenza njengePosi eQonce izolo.

Inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, igqinisise isithi malunga nentsimbi yesibini(2:00) ekuzeni kusa, amalungu esipolisa agadayo ebusuku ebesenza umsebenzi wawo kuledolophu, ngethuba beqaphela umsi ophuma ngasePosini.

Bayeke basondela ukuhlola okwenzekayo, ze bagilana namadangatye omlilo kwesisakhiwo. Ngokukhawuleza zabizwa izicimi-mlilo ukuze zincede.

Uyeke wacinywa umlilo kodwa kwabe kuphelile ngesakhiwo. Ukanti esisakhiwo kuvakala ukuba besesingasasetyenziswa nanjengoko ibisele iyindawo yokuncathama kwabo bangenazindawo zokuhlala kuquka namaphara ngokutsho kwabahlali beziphaluka zaseQonce.

Idokethi ngalomlilo livuliwe logama kusenziwa uphando kwakunye nezizathu ezingqonge unobangela walomlilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
83 %
2.1kmh
86 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
16 °
Thu
31 °
Fri
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks