Sitshe saphela isakhiwo sakudala nesasifudula sisebenza njengePosi eQonce izolo.
Inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, igqinisise isithi malunga nentsimbi yesibini(2:00) ekuzeni kusa, amalungu esipolisa agadayo ebusuku ebesenza umsebenzi wawo kuledolophu, ngethuba beqaphela umsi ophuma ngasePosini.
Bayeke basondela ukuhlola okwenzekayo, ze bagilana namadangatye omlilo kwesisakhiwo. Ngokukhawuleza zabizwa izicimi-mlilo ukuze zincede.
Uyeke wacinywa umlilo kodwa kwabe kuphelile ngesakhiwo. Ukanti esisakhiwo kuvakala ukuba besesingasasetyenziswa nanjengoko ibisele iyindawo yokuncathama kwabo bangenazindawo zokuhlala kuquka namaphara ngokutsho kwabahlali beziphaluka zaseQonce.
Idokethi ngalomlilo livuliwe logama kusenziwa uphando kwakunye nezizathu ezingqonge unobangela walomlilo.