12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

AMASELA akuTsolo enze adume ngazo.

Kufunyenwe iigusha ezibiweyo kuTsolo ziphila nezixheliweyo.

Ugqogqo phakathi kwamapolisa noluntu kuTsolo lukhokhelele ekubeni kufunyanwe iigusha ezibiweyo.

Oku kwenzeke ngethuba amapolisa akuTsolo ebambisene neCandelo elilwa ubuSela beMfuyo befumene iinkcukacha ngeegusha zobusela ezigcinwe kumzi othile kwilali yaseNtshiqo.

Ngokwengxelo amapolisa alandele ekhondweni asingisa kwelikhaya apho afumene khona iigusha ezilishumi aze abamba umrhanelwa omnye oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala.

Isithethi samaPolisa uCaptain Welile Matyolo, uthi uphando olunzulu lukhokhelele amapolisa kwindawo ekumbindi wedolophu yakuTsolo apho afike afumana iigusha ezilishumi nambini zixhelwa ngabarhanelwa abane.

Zonke ezi gusha zingamashumi amabini anesibini zifanisiwe ze zanikezelwa kumnini wazo.

Abarhanelwa babekwe amatyala obusela bemfuyo kwaye kulindeleke bavele enkundleni yamatyala kuTsolo ngoLwesibini weveki ezayo umhla weshumi elinesibhozo kulenyanga.

Umkomishinala wamapolisa kwisithili O.R Tambo uMajor General Pumzile Cetyana, uqhwabele izandla amapolisa akuTsolo ngokusabela ngokukhawuleza njengoko esi siganeko besichazwe kubusuku bangoLwesithathu.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks