Ingcaphephe yezempilo ixhalabile malunga nokuqhambuka kwesifo iM-Pox. 

Ingcali yezempilo uGqirha Jacqueline Weyer uthi ukusilela kokuthobela amayeza kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo basemngciphekweni omkhulu. Uthi abantu abalolu hlobo basemngciphekweni omkhulu wokosulelwa sisifo iM-Pox kuba imizimba yabo isesichengeni sokwasulelwa zizifo ezithatha amathuba.

Ilizwe lirekhode ukufa kwalo okokuqala lwe-M-Pox. Mahlanu amatyala axeliweyo, amathathu KwaZulu-Natal, amabini eRhawutini.

U-Weyer uthi umfi, ochazwe njengendoda, wayephethwe yinyumoniya kwaye emva koko kwafunyaniswa ukuba une-M-Pox. Uthi ukuqhambuka kwesi sifo elizweni kuyakhathaza kakhulu.

“Ke ngoko, siyithatha nzulu iM-Pox, ayisosifo esiqhele ukufumana kubemi baseMzantsi Afrika. Kwaye amanyathelo ayathathwa ukukhusela abantu bethu. Siyazi kananjalo ukuba sinenani eliphezulu le-HIV kunye neemeko ezininzi ezingalawulekiyo. Zezo ziganeko ke ezingalawulekiyo kunye nezinye izizathu zokugonywa komzimba ezisikhathazayo. Aba bantu basemngciphekweni omkhulu we-M-Pox eqatha.”

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA