Uvalelwe ngapha kwesimnyama isisele uSodolophu waseMatatiele.

USodolophu woMasipala wasekuHlaleni eMatatiele ubanjiwe emva kwemini izolo umhla wethoba (09) kweyeNkwindla 2025 ngezityholo zobuqhophololo.

Kwiveki ephelileyo, kumakhasi onxibilelewano kujikeleze amarhe okuba lo sodolophu ukhangelwa ngamapolisa eMatatiele.

Ngokwengxelo zomthombo esiwufumeneyo, lo khansila uzinikezele emapoliseni ngenjikalanga yayizolo.

Zathathwa iinkcukhaca zakhe wakhululwa ngesilumkiso nosuku lokuvela enkundleni ngomso, umhla weshumi elinesibini (12) kweyeNkwindla 2025.

Nangona iinkcukhaca zezizityholo singenazo ncam, kodwa siyaqinisekisa ukuba ngonyaka ka-2023 ukhansila we-DA uWonga Poteana nelungu lepalamente uBaxolele Nodada bavule ityala lobuqhophololo ngakukhansila ongusodolphu waseMatiele.

UPotwana noNodada babanga ngelithi uMngenela wasebenzisa imali yoluntu elingana namawaka alishumi elinesithathu (R13 000.00) eerandi ukubhatalela ukuya kwinkomfa ye-ANC.

Igama lakhe losodolophu ligciniwe de kube kanti uvela enkundleni ngomso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA