Limiselwe umhla wesibini (2 September 2022) ityala lomnikazi waseNyobeni Tarven uSiyakhangela Ndevu.

Umantyi ulimisele umhla we 02 wenyanga izayo ityala, kwaye abazali bamxhoba kunye nabantu basekuhlaleni baveze izimvo zabo ngelithi umthetho makaqinise kwaye abaxolanga kuba lo kaNdevu uxoxa elityala engapha kwezisele kwaye akabonakalisi ukuzisola ngesehlo esabulala inginginya yabantwana.
Ingxelo:Anita Qubula

