21.9 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Banikwe isigwebo esiqatha abo babulala inkondekazi(92) eyatyholwa ngokuthakatha

INkundla ePhakamileyo kwiPhondo leMpuma Koloni eSterkspruit, igwebe amadoda amane   anetyala lokubulala ixhegwazana elineminyaka engamashumi alithoba anesibini(92) ubudala, nowayetyholwa ngokuthakatha.

Lamadoda mane agama linguMzubongile Manundu(36), Sithembiso Yalwa (52), uSiyabulela Manundu (34) noMlungisi Manundu (40) agwetywe iminyaka engamashumi amabini(20 years) kwityala lokubulala, iminyaka emibini yokutyhola umtu ngobugqwirha, ze emva koko nkundla yalela ukuba ezi zigwebo zilandelelane kodwa ixhoma iminyaka emihlanu kwisigwebo seminyaka engamashumi amabini isenza ukuba ibeyiminyaka elishumi elinesixhenxe(17)

Konke oku kwaqala ngomhla we(14 March 2020), ngethuba kukho umngcwabo kaSamkelo Manundu, kwilali yaseMajuba nowahlatywa wabhubha eKapa. Emva komngcwabo ngengomso, la madoda angqala kwikhaya likamfi uNosayinethe Manundu, enyanzelisa ukuba akhuphe uSamkelo ababekholelwa ukuba usaphila kwaye ugcinwe nguMakhulu kwikhaya lakhe.

Bandula ngokukhulula ixhegwazana laze, belibetha de balityhalela kuronta walo bevala ucango batshisa indlu. Kwimizuzu embalwa emva koko, njengoko ilangatye laligubungela indlu, ixhegwazana lakwazi ukubaleka kulomadangatya, kodwa la madoda alibamba. Ngenxa yamadangatye abazange bakwazi ukumbuyisela kwindlu eyayivutha ngoko ke bamfaka kwifatyi elizele amanzi ngentloko warhaxwa abantu bebukele.

Ngethamsanqa oku kwashicilelwa ngonomyayi ze lo vidiyo kwabelwana ngayo kumajelo eendaba neyakhokelela ekubanjweni kweliqela kwintsuku ezimbalwa emva kwesiganeko.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
21.9 ° C
21.9 °
21.9 °
37 %
4.9kmh
92 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks