11.3 C
King William's Town
Tuesday, October 7, 2025

UVele enkundleni namhlanje umtyholwa wesibhozo kwisiganeko saseLusikisiki.

USongezo Vuma (20) ongumrhanelwa wesibhozo kwisiganeko sokubulawa kwabantu eLusikisiki, uvele kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki namhlanje, 07 kweyoMqungu 2025, emva kokubanjwa ebhasini ebisiya eKapa ngeCawe yomhla wesihlanu (05) kweyoMqungu 2025.

UVuma akasifakanga isicelo sakhe sebheyile, kwaye lo mba udluliselwe kwiNkundla yeNgingqi yaseLusikisiki, apho aza kuhlangana nabanye abatyholwa abasixhenxe ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMdumba 2025.

Uhamba noSiphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33) noBonga Hintsa (31), Zenande Paya (38) noMawethu Nomdlembu (36) abathe bayilahlila ibheyile. Bonke bajongene namatyala alishumi elinesibhozo okubulala nokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.

UPaya noNomdlwembu, babanjwa eFlagstaff, ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeDwarha ngo-2024, benemipu emine neembumbulu ekutyholwa ukuba zasiwa kwezinye iindawo, emva kokubulawa kwabantu ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi ngo2024, kwilali yaseNgobozana. Ababini kula madoda, uNende noHintsa, babanjwa kwilitye lasePort Shep, logama uAbi wabanjwa eMonti, ngoLwesithathu umhla we-16 kweyeDwarha ka-2024.

UMyekethe wabanjwa ngomhla we-07 kweyeDwarha ka-2024, kwikhaya lakhe eMthimde kwingingqi yaseMamfengwini kwesi sithili saseLusikisiki. Ukubanjwa kwabo kuza emva kwesiganeko sokudubula okwenzeka ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi ngo2024, kwimizi emibini esebumelwaneni kwilali yaseNgobozana kufutshane nedolophu yaseLusikisiki, apho kwabhubha abantu abalishumi elinesibhozo, kwaza konzakala abahlanu.

Ityala lihlehliselwe umhla we-17 kweyoMdumba 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.

 

SourceNPA

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
79 %
2.9kmh
19 %
Tue
26 °
Wed
25 °
Thu
27 °
Fri
35 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks