UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha ukhuphe isilumkiso esiqatha ngokuchasene nabophuli-mthetho abazimisele ukuhlasela amapolisa kwiphondo.
Oku kıza emva kokuba amapolisa edubule abarhanelwa abathathu (3) ebebexhobile apho bathe badubulana kwisakhiwo seCandelo loNgenelelo likaZweloke (National Intervention Unit) eMthatha izolo. Esi siganeko senzeke emva kokuba amalungu e-NIU aye abandakanyeka kwiphulo eliye laphazamiseka, eMthatha West.
Ekugqityweni kophando, amalungu aqhubele phambili ukuya kwindawo yawo kwisakhiwo esiseMthatha. Endleleni baqaphele ukuba balandelwa ziimoto ezimbini, iNissan Qashqai kunye neToyota Fortuner. Xa amalungu efika kwi ndawo yawo, iimoto ezimbini ezikrokrelekayo ziye zama emva kwawo, ze kwehla amadoda amathathu (3) exhobe ngemipu adubula kwangoko.
Amapolisa aziphindezelela ngokudubula la madoda mathathu. Omnye wababhubhileyo nguSakhumzi Mareke obeneminyaka angamashumi amane anesibini ubudala (42) ekutyholwa ukuba ubandakanyeka kwiziganeko ezininzi zokugrogrisa abantu ngofuna amali yokhuselo kwingingqi yaseMthatha.
UNqathe ukwathe uncoma amapolisa ngokukhalipha kwawo ngokunganikezeli kubaphuli-mthetho ababenengcwangu yaye becekisa ukujongana nokuhlasela Mapolisa. UMphathiswa uNqatha uthe, bengurhulumente wephondo bafuna ukulumkisa abophuli mthetho ukuyeka ukuhlasela kunye nokuthintela amapolisa ekwenzeni umsebenzi wawo okanye kuzokubakho imiphumela.
Ukwathe, bayathemba ukuba esi sehlo sizakuthumela umyalezo oqatha kubaphuli mthetho ukuba eneneni ixesha lokuphulula izaphuli-mthetho kudala lihambile kweli phondo .
Elinye ipolisa, uWarrant Officer oneminyaka engamashumi amane (40) ubudala, ufumene inxeba lokudutyulwa kwaye ubakeliselwe esibhedlele ukuze afumane unyango.