23.9 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Idutyulwe yabhubha indoda yaseMotherwell.

Amalungu akwiyunithi yeNational Intervention Unit (NIU) adubule ze abulala umrhanelwa oyindoda okwiminyaka yakhe yamashumi amabini ngomhla wayizolo eNU 11, Motherwell.

Iqela leNational Intervention Unit (NIU) lilandele iinkcukacha ngendoda ebiphethe umpu ongenaphepha-mvume kwindlu ekwisitalato iNkume, NU 11, eMotherwell. Baqhubela phambili ukuya kwidilesi, kanye xa ucango lwangaphambili luvuliwe, umrhanelwa wabona amapolisa waza wawakhomba ngompu. Aziphindezela amapaolisa de wabe kanti uyabhubha umrhanelwa.

Umrhanelwa akanxulumenanga nobugebenga obenzeke kutshanje komnye wodederhu lweevenkile eGqeberha, nangona kunjalo uphando lwamapolisa lusaqhubeka.

Amapolisa ohluthe umpu kunye neembumbulu ebezikuye, kunye ne-signal jammer efunyenwe endlini.

Amatyala okukhomba ngompu, ukuphanda, ukuba nemipu engenampepha-mvume, kunye neembumbulu avuliwe ukuba kuphandwe ngamapolisa aseMotherwell. Idokhethi yophando iya kudluliselwa kwiCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo ukuze kuphandwe ngakumbi.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay uMajor General Vuyisile Ncata ubulela uluntu ngokwabelana ngolwazi olubalulekileyo.

“Amapolisa azakuqhubekeka ukulwa ulwaphulo-mthetho nokutshabalalisa izenzo zolwaphulo-mthetho eGqeberha kwaye azakuqinisekisa ukuba abenzi bobubi basemva kwezitshixo,” uvale ngalo mazwi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.9 ° C
23.9 °
23.9 °
56 %
3.8kmh
44 %
Fri
23 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
32 °
Tue
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks