Kule veki iphelileyo amapolisa aseMpuma Koloni ekunye nabanye abathathi-nxaxheba bangaphandle bangenele iphulo i-Operation Shanela ngeenjongo zokutshayela ulwaphulo-mthetho ngamaphulo axineneyo nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo bonke abemi.
Nanjengoko iligunya labakwantsasana ukulwa ulwaphulo-mthetho nokuphanda ngazo naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho ezinokubeka emngciphekweni ukhuseleko lwalo naluphi na uluntu, amapolisa aye athatha imipu engaphaya kwamashumi amathandathu (60) engenamaphepha-mvume ezitalatweni aza abamba abarhanelwa abangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anesibhozo (678) kwiphondo. Aba barhanelwa babanjelwa amatyala awohlukeneyo asusela ekubulaleni, ukuzama ukubulala, ukukhuthuza, ukuxhwila iimoto, ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa emzimbeni ukuya ekuthengiseni nasekufunyanweni neziyobisi.
Ukuxhuzula kulo msebenzi kuquka:
66 imipu engenalayisenisi
04 iziqhushumbisi
260 iimbumbulu
215 iimbaza
365 iipilisi zemandrax
Ngama-665 amanye amacwecwe eziyobisi
Iimoto ezibiweyo ezingama-26
827 grams zetik
Izigidi ezi-R2.1 zeempahla ezingeniswe ngaphandle ngokungekho mthethweni
Amapolisa athatha inxaxheba ekujikelezeni ngeenyawo, ukumisa nokugqogqa, kwaye aqinise ukubonakala okuphezulu kumbindi nakwiindawo ezisemaphandleni njengeqhinga lokuthintela ulwaphulo-mthetho. Amanyathelo angama -59 684 aphunyeziweyo kwizithili ezisibhozo zephondo ngoncedo lwamalungu amapolisa, i-SANDF, amaPolisa kaMasipala, amaGosa ezeNdlela, uNyanzeliso loMthetho, iSebe leMicimbi yezeKhaya noPhuhliso loLuntu kunye neeNkonzo zoLuleko zeSebe.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyibulele intsebenziswano nabanye abachaphazelekayo ngenjongo yokunciphisa ulwaphulo-mthetho kwiindawo zamapolisa. Esithi ukusebenza kunye kubupolisa noluntu ngenjongo enye kukhokelela kwiziphumo ezincumisayo. “Masiqhubeke sicudisa indawo sifumane ulawulo kubaphuli mthetho njengoko umyalelo wethu ikukulwa ubugebenga nokubamba abaphulimthetho,” uvale ngalo mazwi.