36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Uyibekile inqawa otsale iintambo zolawulo kwiCaf ixesha elide uHayatou.

UMongameli wombutho webhola ekhatywayo kwihlabathi uthe ndlelantle kwinkokheli yebhola yelizwekazi iAfrika.

Owayesakuba nguMongameli weCAF nobengoyena utsale kakhulu imikhala kulombutho webhola ekhatywayo kwilizwekazi laseAfrika ulishiyile elimagada ahlabayo.

UIssa Hayatou uyibeke inqawa eneminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe (77) ubudala.

UHayatou uchithe iminyaka engamashumi amabini enethoba (29) engumongameli wombutho webhola ekhatywayo eAfrika. UIssa uqale ukukhokhela ibhola yelizwekazi laseAfrika ngonyaka ka1988 wayokuyeka esisikhundla ngonyaka ka2017.

UHayatou ebenesikhundla njengomnye wabalawuli kwikomkhulu eSwitzerland kumbutho webhola ekhatywayo yehlabathi iFIFA ukususela ngonyaka ka1990 ukuya ku2017. UIssa ukhe wabambela njengomongameli weFFA ukusuka kunyaka ka2015 no2016 emva kokunqunyanyiswa kowayesakuba ngumongameli weFIFA ngeloxesha, uSepp Blatter.

UGianni Infatino ongumongameli weFIFA uthe ndlelantle kuIssa Hayatou kwikhasi lonxibelelwano u-Instagram.

Ngexesha lakhe lobutsha uIssa Hayatou ube ngumdlali weBasketball ekwayiyo nembaleki.

Ngonyaka ka2021 ngenyanga yeThupha uHayatou uye wanqunyanyiswa ngumbutho wehlabathi webhola ekhatywayo emva kokutyikitya isivumelwano nenkampani yokusasaza yaseFrance etyholwa ngokophula umthetho webhola kwihlabathi nto leyo wayenza ngonyaka ka2015.

Kunyaka olandelayo emva kokugwetywa yiFIFA inkundla yakukhaba ukugwetywa kwakhe wabuyela. Lo mongameli wexesha elide ulichithele ebholeni ixesha lakhe elininzi, kunjalo nje ulishiya ihlabathi ngosuku olandulela ukugqiba iminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo (78) ubudala.

UIssa ubambe izikhundla eziliqela neziphezulu kwibhola ekhatywayo, ube ngumongameli welizwekazi laseAfrika kwibhola ekhatywayo, ube ngusekela monganeli weFIFA, wabangumongameli obambeleyo weFIFA, wakwisigqeba sombutho weFIFA.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks