9.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Owayesakuba ngunobhala weSebe lezeKhaya osuka eGqeberha uye ugwetywe ngenxa yobuqhetseba

Owayesakuba ngumabhalane kwisebe lezekhaya eCleary Park eGqeberha ugwetywe iminyaka emihlanu (5) ethothoza entolongweni ngobuqhophololo.

Isithethi sebutho looKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi uTony Stout oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala ugwetywe kwiinkundla zomthetho eGqeberha ngoLwesine umhla wesibhozo (8) kweyeThupha.

Uthi phakathi kuka-2018 no-2019 uStout usebenzise iinkcukacha zesazisi zabemi boMzantsi Afrika ukuguqula iifoto zabemi bamazwe angaphandle ukuze babanike iipasi zaseMzantsi Afrika ngobuqhetseba.

UStout wabanjwa ngoMatshi ka-2021 waze wakhululwa ngebheyile ye-R500.

Uye wavela izihlandlo upezininzi enkundleni kule minyaka idlulileyo kwaye ngoLwesine wafunyaniswa enetyala waza wagwetywa ngezityholo ezilithoba zobuqhophololo kunye nokwaphula i-Identification Act 68 of 1977.

UStout akazange anikwe ithuba lokuhlawulela isohlwayo waza wathunyelwa entolongweni.

Kwakhona wabhengezwa njengongafanelekanga ukuba abe nompu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
9.9 ° C
9.9 °
9.9 °
84 %
1.2kmh
90 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks