Ude wayifumana indondo uAkani Simbini kwimidlalo yee-olimpiki phezolo.
Ekugqibeleni imbaleki yodumo eMzantsi Afrika uAkani Simbini nobaleka umgama olikhulu (100m) ude wayifumana indondo ngethuba ebaleka kwi-Relay yomgama wekhulu kwiimbaleki ezine iqela ngalinye (4×100), oku kwenzeke phezolo kwi-Paris 2024 kwimidlalo ye-olimpiki neqhubayo xakungoku nje.
Kwiqela loMzantsi bekukho uBayanda Walaza, uAkani Simbini, uShaun Maswanganyi, noBradeley Nkoana, uWalaza nguye oqalileyo waze uSimbini wagqibezela.
UAkani Simbini uyokungena kwindawo yesibini babe ngolohlobo bafumana isilivere balandela emva kweqeka laseMelika, yona iNetherlands yakwindawo yesithathu emva koMzantsi Afrika.
AmaDatshi ona afumene ibronze yaze iMelika yafumana igolide.
Kokokuqala ngqa uAkani ephumelela indondo kwimidlalo ye-olimpiki nto leyo eyenze imivuyo nemincili eMzantsi
By Siphiwo Boqwana