INkundla ePhakamileyo yaseMthatha ifumene indoda eneminyaka engama-45 ubudala inetyala kwizityholo ezintlanu zokubulala inkosikazi yayo.
Oky kusemva kokuba umzimba wakhe wafunyanwa ungcwatywe phantsi kwebhafu kwikhaya labo ngaseGcuwa ngoJulayi ka-2019. Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso EMpuma Koloni, uLuxolo Tyali uthi inkundla imfumene enetyala uYibanathi Ndema ngezityholo zokubulala, izenzo ezinenjongo yokwaphula umthetho, namathathu okubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.
Uthi uNdema wabulala inkosikazi yakhe, uNoluvuyo Nonkwelo, 36, waze waxela ukuba ulahlekile emapoliseni. UTyali uthi esaphila, umfi wakhe wavula ityala lokubethwa ngeenjongo zokumenzakalisa ze wanikwa umyalelo wokhuseleko ngoJanuwari ka-2019, kodwa bobabini basirhoxisa eso sigwebo. UNdema wabanjwa ngo-Agasti ka-2021, emva kokufunyanwa kwamathambo kaNonkwelo.
Ityala lihlehliselwe umhla wesi-2 kuOktobha 2023 ukulungiselela iinkqubo zaphambi kokugwetywa.

