19.2 C
King William's Town
Saturday, April 13, 2024

UMaspala waseNyandeni ububambe ingqungquthela yentsuku eziliqela kuququzelelo lotyalo-zimali.

Umasipala waseNyandeni ubambe usuku olube yimpumelelo enkulu yengqungquthela yotyalo-mali ka-2023, ukuqala ngomhla we-07 ukuya kowe-08 kweyoMsintsi ngo-2023 kwindawo yokulala yaseDan kude kufuphi naseMthatha.

LeNgqungquthela ibijolise ekukhuthazeni uphuhliso loqoqosho oluzinzileyo kunye nokutsalela uluntu babucala kutyalo-mali lwecandelo kummandla. Le Ngqungquthela ibize ngempumelelo abameli abavela kuluhlu olubanzi lwamacandelo ukuze babonise amathuba otyalo-mali akhoyo phakathi kukamasipala. Ukanti La mathuba abambe isitshixo ekuvuleni amandla ophuhliso loomasipala, nokukhula nokuseka imeko yotyalo-mali efanelekileyo.

Le ngqungquthela, ebibanjwe kutsha nje, ijolise ekutsaleni abatyali-mali balapha ekhaya nabamazwe ngamazwe nokukhuthaza ukukhula koqoqosho nemisebenzi yezoqoqosho yekhaya. Ngethuba lendibano uSodolophu womasipala waseNyandeni uViwe Ndamase uvakalise ukuvuleleka kukamasipala kutyalo-mali olukhulu watsho ebalula ukubaluleka kwentsebenziswano phakathi kwabatyali-zimali noluntu lwale ndawo. Kusenjalo Ibhunga lichonge amacandelo ahlukeneyo aphambili anamandla okudala amathuba ezoqoqosho kunye nokuzisa utshintsho oluhle kulo mmandla.

UMphathiswa weSebe lezoQoqosho nezoKhenketho eMpuma Koloni uMlungisi Mvoko ubethelele into ekufuneka yenziwe, esithi Kweli tyeli kufuneka bachonge iindawo abafuna abatyali mali batyale kuzo, njengephondo kufuneka bazibophelele Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni u Oscar Mabuayane uhlaba ikhwelo kuwo onke amaphulo angaphandle kweli lizwe ukuba aze kutyalo-mali.

UMvoko uthi Umasipala waseNyandeni uthathe indlela ekhawulezileyo yokuphucula imeko yotyalo-mali kulo mmandla ngokumema abameli abavela kuluntu, kunye namacandelo emveli anomdla ngoku okanye anokubakho kutyalo-mali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
3.7kmh
17 %
Sat
18 °
Sun
24 °
Mon
22 °
Tue
27 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks